Umhlolokazi kaNkomfa ufun’ ukusasaza kuMhlobo Wenene

UMHLOLOKAZI kaMfundis’ uNkomfa Mkabile, uUnathi Mkabile, uthi sel’ ekulungele ukushumayeza oomama bangoLwesine kuMhlobo Wenene FM.

UMkabile ungenele ukhuphiswano loMhlobo Wenene lokukhangela abasasazi ababini basetyhini – omnye eza kungena kwinkqubo kaMama kaMa-Asi, ngelixa omnye eza kufakwa kwiinkqubo zolonwabo.

UMama kaMa-Asi uza fulathel’ amaz’ omoya ekupheleni kwenyanga yoKwindla.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokuthumela idemo yakhe kwesi sikhululo, uMkabile ulikhuphe latsola ukuba yena uzifuna kuLelikaYehova Ihlabathi Nenzaliseko Yalo.

“Kuba uLelikaYehova ujongene neemeko ezichaphazela oomama bangoLwesine emakhaya, emabandleni, emisebenzini, emitshatweni nakuzo zonke iinkalo zobomi,” utshilo.

UMkabile, okwangumbhali wencwadi ethi Umhlolokazi Olidlolokazi, uthi le nkqubo imfanele kuba uyazana nezinto.

“Abantu mabalindele ukomelezwa, ukuthuthuzelwa, ukuvuselelwa nentshumayelo enomoya kaThixo. Kuba lo mama unamava, uza kuthetha utshintsho olusuka emazulwini. UThixo uza nomfutho omtsha esebenzisa uMam’ uNkomfa,” uMkabile uncokola ngomakulindelwe kuye xa ethe wangumsasazi.

“Siza kuthetha ngoYesu osindisayo, sithethe ngezinto ezichaphazela oomama ezifana neziyobisi, intswelangqesho, umvandedwa, amatyala, ukufelwa ngabo sibathandayo nezifo ezinganyangekiyo, ” kutsho uMkabile.

Uthi ungenele olu khuphiswano kuba enobizo lokuphilisa, lokushumayela, lokuthandaza nokukhuthaza.

Uthi nanjengengxwelerha enamava, ukulungele ukuthandazisana nabantu neemeko abadibana nazo.

“Ndiza kukwazi ukubabika kuThixo kuba ndiyazana nentlungu, ukonwaba, indlala nentlutha.”

UMkabile uthi uLelikaYehova unenani elikhulu labaphulaphuli, yaye oko kuthetha ukuba umyalezo wakhe uza kufikelela kubantu abaninzi ngethutyana elincinane.

“Kudala ndaba nomdla wokusasaza. Kudala ndafuna iqonga elifana nonomathotholo ukomeleza abantu. Bendikhe ndibanjwe kuMhlobo Wenene nakwezinye izitishi ndishumayele kwaye ndithandaze,” kutsho uMkabile.