Bilisani amanzi phambi kokusela maBCM!

UMasipala oMbaxa weBuffalo City ubongoza uluntu lwale dolophu ekubeni lungakhe lupheke okanye lusele amanzi aphuma kumpompi bengakhange baqale ngokuwabilisa kuqala de kube nesisombululo kule ngxaki yamanzi aphuma emdaka.

Oku kuza emva kokuba uluntu luqaphele ukuba amanzi aphuma koompompi ajike umbala amdaka. Oku akuqaleki, kwiiveki zokugqibela kwinyanga ephelileyo, lo masipala ubukhe wabakuyo le ngxaki yala manzi amdaka nabebangela isisu ebantwini. Abantu bebebongozwa ukuba bawathenge amanzi ukuze basinde kwisisu. Ngoku lo masipala udize ukuba mawabiliswe kuqala phambi kokuba asetyenziswe.

Lo masipala uthi uluntu maluqaphele kwiindaba ezingezizo zokuba la manzi angcoliswe lilindle.

IBCMM ithi uMzomnyama Water Treatment Plant uyalwenza uvavanyo rhoqo emva kweeyure ezimbini ukufumana unobangela wengxaki kula manzi. IMzomnyama Plant yiyo ethulula amanzi acocekileyo nasemgangathweni eMonti kwakunye naseMdantsane.

UMasipala kwikhasi lawo lonxibelelwano bedize ukuba iziphumo zovavanyo zonobangela wobumdaka bala manzi ziza kufumaneka izolo uLwesithathu.

Ofuna iingcombolo kulo masipla ngale ngxaki angatsalela le nombolo- 0861113017 orkanye amaziko amanzi 0437059234.