Umbhali: ‘Andithunywa ukuze ndibhale ndiyathunukwa’

Ndisabel’ubizo, lowo nguLungisa Olwethu Mjakuca oyinzalelwane yakwaGobityolo ePeelton eQonce, kwaye eso sisihloko sencwadi yesiXhosa equlethe imibongo ayibhale ngokwakhe.

“Sasisithi xa sibuya esikolweni emva kokuba kutyiwe kuvaswe izitya, silungise umondlalo wethu singqengqe, umakhulu wethu owayethanda kakhulu isikolo wayeye aqinisekise ukuba akulalwa kungakhange kufundwe iincwadi zesiXhosa,” utshilo uMjakuca.

Ebalisela eli phephandaba ngentsukaphi yokuxabisa kwanokuthanda isiNtu kwakunye nolwimi lwakhe, uthi esesengqondweni nangoku yincwadi eyayisithi Ithemba Liyaphilisa. Uthi babe tshintshiselana endlini ingumakhulu olawulayo, kugqitywe enye kungenwe kwenye, iyinto emnandi eyayisele isisithethe kubo. UMjakuca uthi lo nto ke yabangela indlela abasithetha ngayo isiXhosa iphuhle kwaye nendlela abenza ngayo kufundo lwamagama esiXhosa iphucuke.

“Ngoko ke ndandingaqondi ukuba kukho into eyityalayo ngaphakathi kum le nto sasiyenziswa ngumakhulu rhoqo ngorhatya. IsiXhosa yeyona nto ichaza ubuthina bethu ukuze ube ngumntu uba ngumntu ngale nto uyiyo. Ndizokukhula kakhulu ukulithanda ndakuqaphela ukuba kwathina bantu balo silujongela phantsi. Ndanento ethi ukuba andithathi nxaxheba kwaye andinandima ndiyidlalayo ekukhumbuzeni abantu bakuthi ukubaluleka kolwimi lwethu kwakunye nesiNtu sakwaXhosa, ndakuba nam ndifana nabaninzi abalijongela phantsi olu lwimi.

“Kulapho ndafikelela kwisigqibo sokuba ndibhale le ncwadi yemibongo ethi Ndisabel’ ubizo. Ukubhala kum kufana nomshologu, asiyo nto uvuka uyenze nje nakanjani na, ndiba nento endithumayo okanye endithunukayo ethi bhala nokuba ndiyazulisa into indithi nca. Owam umshologu ngulo wokubhala kwaye andinguye lo mbhali uthunywayo ndingulo uye athunukwe yinto kwaye ndithundezwe yilo nto efuna ukuhoywa. Ndivume ukuba sisithunywa, ndivume ubizo lokubhala de ukonwabele ukubhala kuba unezinto ezingathi ziyakusebezela,” utshilo Mjakuca.

Lo mbhali uthi umnqweno wakhe kukubona olu lwimi lusiya emanqwanqweni lukhule ngakumbi. Uqhuba athi lukhulile olu lwimi ngexesha looBaw’ uMqhayi, obaw’ Jolobe, baw’ uSomgxada, oobaw’ W.K. Thamsanqa, ebalula abaninzi nabafana noobaw’ uBongela, W.B Rubusana ukuya koobaw’ uTiyo Soga. Uthi baninzi ababhali abanendima abayidlalileyo ekuqinisekiseni ukuba olu lwimi lwethu luthathelwa ingqalelo.

Uthi into izokufuna ukuphoncuka apha kuthi, kungoko esithi umnqweno wakhe kukufuna ukulibuyisela kwela zinga lababhali bakhankanywe ngentla. “Oku zinzame zokuba ndilubuyisele kwela zinga lwamhla mnene lwababhali babe nefuthe elimandla ekutshintsheni intlalo yoluntu ngokubanzi.”

Lo mbhali ukwancome nendima edlalwa lisebe lezeMidlalo, iNkcubeko nobuGcisa kwakunye noPanSALB, esithi mva nje likhulu kakhulu ifuthe labo liyabonakala, yanga bangaqhubekeka bexhasa nababhali.

UMjakuca uvale ngelithi unqwenela ukuba axhaswe luluntu nazizikolo kwenzele incwadi yakhe iyokufikelela kumntu wonke nakubantwana ezikolweni, bakwazi ukuva akuthunyiweyo. Uthi uthethela isizwe sonke ezama nokuvuselela kwanokuthundeza izazela ezifileyo. Injongo ikwakukukhumbuza umntu omtsha ukuba iphupha alifi koko liyabuna nto nje lifuna ukuhlaziywa ngokunkcenkceshelwa.

Xa unomdla wokufumana incwadi le yemibongo ungamfumana kuFacebook nguOlwethu L. Mjakuca.