Lutsha, fundani kuJohn Knox Bokwe!

UMphathiswa kuzwelonke uNaledi Pandor kwakunye neNkulubaphathiswa yePhondo uOscar Lubabalo Mabuyane kwaNtselamanzi eDikeni ngoMvulo, kubhiyozelwa uSuku lwamaLungelo oLuntu, kukwakhunjulwa noJohn Knox Bokwe
UNaledi Pandor, uOscar Mabuyane, uNkosi Zwelidumile Mavuso kwakunye noSodolophu waseAmathole uNceba Ndikinda.

“Ngale mini yanamhlanje singabemi baseMzantsi Afrika sikhumbula imini yokubulawa kwenyhikityha yabantu kweliya laseRhawutini kwilokishi iSharpeville. Siphinde ke thina apha ephondweni sikhumbule abantu ababulawa ngumkhosi worhulumente wengcinezelo phaya kwaNobuhle eTinarha.

“Ndifuna ukuthi kwiintsapho zawo onke loo magorha namagorhakazi, ngxe. Sonke sibuhlungu, sikwaminxekil’ emiphefumlweni xa sikhumbula bona ngale mini umhla we21 ka Matshi. Kodwa sibakhumbula sikwanalo novuyo ngokuba le nkululeko bayilwelayo bancama ubomi babo sayifumana ngonyaka ka1994.” La ngamazwi eNkulubaphathiswa yeli phondo uOscar Lubabalo Mabuyane, ngoMvulo eNtselamanzi eDikeni, ngethuba kubhiyozelwa uSuku lwamaLungelo oLuntu, kwabe kukhunjulwa noJohn Knox Bokwe njengoko lo nyaka ubekelwe bucala njengowakhe. UBokwe wayengumfundisi, itshantliziyo kwakunye nentatheli.

UMabuyane uthi kufuneka kufundiswe abantwana kwakunye nesizukulwana ngendima enkulu kaBokwe athe wayidlala esakha uMzantsi Afrika. Uthe uluntu maluzibophelele ngoku ekusebenzeni nzima ukukhulisa kwanokugcina umqela kaBokwe.

“Kufuneka sizameni siyivuselele imisebenzi yezi nkcubabuchopho, sisebenzise ifuthe labo ekufundiseni abantu abatsha. Ndingathanda ukubona urhulumente wephondo, iinkonzo, iiyunivesithi, iikholeji kwakunye noomasipala benentsebenziswano ekukhuliseni imbali yeenkcubabuchopho zethu,” utshilo uMabuyane.

UMphathiswa wezeMidlalo, iNkcubeko nobuGcisa kweli Phondo, uFezeka Nkomonye, ebephethe le nkqubo yolu suku. UMphathiswa kuzwelonke uNaledi Pandor naye ebeyinxalenye nolu suku lukaBokwe kwaNtselamanzi, nalapho akhuthaze ulutsha esithi lunentlahla kuba likhule kweli xesha linabantu abanokufunda nabanokubukela kubo abafana nooBokwe.

Izithethi zithe kubantu bakuNtselamanzi mabazidle, bazingce ngokuthi babenenkokheli enje ephuma kwilali yabo. Bekhuthazwa ukuba makuphinde kuphume abantwana abaza kulandela ekhondweni likaBokwe. UNtselamanzi uphinde aziwe kakhulu ngokuthanda umdlalo weqakamba.

Iindawo ezinembali apho kwabulawa khona amaqhawe namaqhawekazi awayelwela amalungelo oluntu kweli phondo nazi:

.Langa Massacre eTinarha, 21 March 1985

▪ Ingquza Hill eFlagstaff, 06 June 1960,

▪ Egerton Railway Station eMdantsane, 04 August 1983,

▪ Duncan Village eMonti, 11 August 1985,

▪ Mlungisi, kuKomani, 17 November 1985,

▪ Dukathole eMaletswai, 23 August 1985,

▪ Northern Areas eGqeberha, 06 August 1990,

▪ EBhisho, 07 September 1992.