Okwakhokelela ekugxothweni kukaLulu nguMhlobo Wenene

UMSASAZI owagxothwa nguMhlobo Wenene FM, uLulu Haarmans, uchiphize iinyembezi ngethuba ebalisa ngokwakhokelela ekohluthweni kwesonka sakhe sesi sikhululo.

Encokola kwinkqubo yePodcast ethi Zooming Into Radio noDJ Pastor Nozewu, uHaarmans ubale ukuxhatshazwa ngowayesakuba liqabane lakhe, iitshomi ezingalunganga notywala njengezingunobangela wokukhutshelwa ngaphandle kwamasango oMhlobo Wenene ngeyoMsintsi koka2019.

Encokola kushicilelo olushiye abalandeli bakhe benyembezana ngoLwesihlanu ogqithileyo, uthi unomathotholo yayiyindawo yakhe yokuzimela xa ethwaxwa zinzingo zobomi.

“Iwayilese biliyeza lam, nokuba ndihlangabezana nayiphi na into ebomini bam, ndakuvula umboko, bendiye ndiphile” kubalisa uHaarmans.

Lo msasazi uqhube wathi impazamo yakhe yaba kukubeka iitshomi neqabane lakhe phambili, nto leyo yabhidliza ubomi bakhe nomsebenzi wakhe kwezosasazo.

“Ndibathathe abahlobo ndabenza imbangi yokuphila kwam. Ndithathe umntu oyindoda ndacinga ukuba xa esithi uyandithanda, undithanda ngokwenene,” kutsho uHaarmans.

Uthi azisola ngako kukunyamezela iqabane elalimxhaphaza ngelithi liza kutshintsha.

“Ndandingavumelekanga nokuba ndixhawule isandla somnye umntu liqabane lam elingasekhoyo. Nokuba ndihleke kakhulu ewayilesini, ndandibethwa,” kubalisa uHaarmans.

Uthi oku kwamtyhalela ekubeni azikhwebule ebantwini ababesondele kuye.

“Ndakhetha iitshomi ezithile, ezingezizo iitshomi zokwenyani, iitshomi ezazijonge okuthile kum.”

UHaarmans uthi oku kwambangela aphulukane nokuzihlonipha.

“Nangona ndizazi ukuba ndisebenza ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, kodwa ndandisela de ibe yiCawa. Ndandiye ndisele ngokugqithisileyo ukuze ndonelise abantu. Kuba owayeliqabane lam wayengasoze akuginyisise kakuhle xa ndingafuni kusela, yayiba ngathi ikhona le ndoda ndiyincwasileyo,” kutsho uLulu.

Uthi kwakunzima ukuba azikhethele iitshomi ezifunwa nguye kuba iqabane lakhe lalifuna ezifunwa lilo. Uthi iingongoma neenduma zakhe wayezifihla ngemake-up.

“Abantu abazi ukuba ndandiye ndidlale iingoma zibe mbini zilandelelane ewayilesini, ndikhale kakhulu, ndakugqiba ndisele amanzi, ndiqhube nokusasaza,” kubalisa uLulu.

Uthi kwakunzima nokuba aphume noogxa bakhe kuba owayeliqabane lakhe wayesithi uthanda amadoda.

“Ndinemithungo elishumi entloko kuba wandibetha, wacinga ndifile, wandishiya ndidada echibini legazi, kwafuneka ndihambe ngamadolo ukuya kukhangela uncedo,” kubalisa lo msasazi.

UHaarmans wayesasaza uKhanya Gqiyazana, inkqubo exovula imiba ngemiba efundisayo, ingakumbi ephathelene namanina.

Ebuzwa nguDJ Pastor ukuba njengomntu oyazi ngcono imiba emayelana noxhatshazo, kwakutheni ze angafuni uncedo okanye athethe.

“Andingomntu wesithatha. Ndandingafuni kuhlazisa usapho lwam noMhlobo Wenene. Ndandiye ndizicenge iintatheli zingabhali ngendandihlangabezene nako kuba ndingafuni kungcolisa igama loMhlobo Wenene,” uziphendulele watsho.

Uthi ngethuba edibana nowayeliqabane lakhe wayecinga ngundofanaye, kwaye ukhuselekile kulo nanjengoko yayingumntu oligosa elikhulu esipoliseni.

Uthi iqabane lakhe labulawa sisifo sesibindi ngenxa yotywala.

“ Azange ndimbulale ngokwam, wabulawa yinto awayefuna ndibulawe yiyo [utywala].”

Ethetha ngokugxothwa kwakhe kwanezityholo zokuya emsebenzini eqhuba amatakane, uHaarmans uthi akakhumbuli ephangela enxilile okanye ekhutshwa emoyeni kuba ezintyintyile.

“Andiqinisekanga ngokuya emsebenzini ndinxilile, ewe, ndandinokubanalo iphunga lotywala, wonke umntu uba nawo umvuka, kodwa ndingathini ukuphangela ndinxilile? Ndingathi ndiyenzela ntoni lo nto?”

Uthi into awayigxothelwa kuMhlobo Wenene kukufakwa emoyeni engazi ukuba usemoyeni, ecinga uthetha nomsasazi owayesemoyeni bucala.

Uthi ngobo busuku bomcimbi woMhlobo Wenene wamagqiyazana obizwa Hats and Heels, iManejala yakhe yathi unuka utywala.

UHaarmans uthe angabuyela kuMhlobo Wenene xa enokunikwa ithuba.