Iinkcukacha ngomngcwabo kaLuzuko Koti

IGQALA lentatheli nomsasazi kanomathotholo, uLuzuko Koti, uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela eGqeberha kwiveki ezayo.

UKoti, 47, obesandul’ ukuxhuzul’ imikhala njengeManejala yeChannel Afrika, usutywe kukufa ngoMvulo we21 kweyoKwindla, emva kwethutyana lokukhathazwa sisifo somhlaza.

Namhlanje kuqale imithandazo yeveki yonke kwikhaya likaKoti eliseThatchfield Gardens Estate, 499 Pride-Of-India, eCenturion, eRhawutini.

Olu sapho lubhengeze ukuba uKoti, owayengumsasazi woMhlobo Wenene FM, uza kungcwatyelwa eGqeberha ngomhla wesibini kuTshazimpuzi (April), ngelixa inkonzo yokugxwal’ emswaneni iza kubanjelwa eRhawutini.

Usapho lakwaKoti lubambe ngazibini kuluntu ngemithandazo.

“Silusapho lakwaKoti siyabulela kuye wonke umntu oye wasithuthuzela ngeli xesha linzima kangaka.

” Imithandazo yenu, uvelwano lwenu, ukusindwendwela negalelo lenu asiluthathi kancinane. Intlungu yethu niyenze yakhaphukhaphu kususela oko sithe sabika umphanga kaLuzuko,” kubhala olu sapho.

Olu sapho luthi imithandazo eqhuba kweli khaya imqinisile umama kaLuzuko, abantwana bakhe nosapho lonke.

Le mithandazo iza kuqhutywa de ibe nguMvulo we28 kule nyanga.

Nazi iinkcukacha ngenkonzo yesikhumbuzo nomngcwabo:

Inkonzo yesikhumbuzo :

Date : 28 March 2022 (Monday)

Time : 13h00

Venue : M1 Studio – SABC

Address : Corner Henley & Artilery Road, Auckland Park, JHB (Parking at Gate 1)

Oza kuzimasa angathumela igama nenombolo yeID kule email Luzuko@decode.co.za , uphathe isazisi ngolu suku.

Inkonzo yomngcwabo :

Date : 02 April 2022 (Mgqibelo)

Time : 09h00

Venue : VEK Kabega (Full Gospel)

Address : Corner Van Der Stel Street & Richie Crescent, Kabega Park, Gqeberha