Kufuniswa ngoAnelisa Moyeni olahle imveku!

Isebe lezeMpilo ePhondweni libongoza kuluntu ekubeni lilifunise uAnelisa Moyeni, 30, ekutyholwa ukuba ulahle imveku yakhe eneenyanga ezintathu kuphela izelwe kwisibhedlele iGrey eQonce. Le mveku, neyintombazana, ishiywe kwinyanga ephelileyo kwesi sibhedlele.

Lo wasetyhini wazibiza njengoAnelisa Moyeni kwesi sibhedlele, ingxelo ithi wafika esibhedlele sele ephethe imveku ngomhla we16 kuMatshi emva kwemini, imveku le yabe ikwimeko engentlanga kwaphela ngokwempilo.

Ingxelo ephuma kwiSebe ithi, lo wasetyhini, wafika wazichaza njengokuba nguye yedwa ohoye umntwana kuba utata womntwana akamazi ukuba watshona phi, kodwa esibhedlele wanikeza ngenombolo nangegama lotata womntwana.

Kodwa ngelishwa imveku iye yasweleka. Le nkosikazi iinkcukacha zomntwana xa zazifunwa yathi ayinazo, yathi amakhadi omntwana atsha netyotyombe zange akwazi nokufaka isicelo sesiqinisekiso sokuzalwa komntwana.

Kule ngxelo ikhuthswe lisebe, uMoyeni emva kokusweleka kwemveku yakhe uye kwimotshwali yesibhedlele apho afike wacela ukuba umntwana aze atshiswe emva koko waphuma wahamba.

Isithethi soMphathiswa weSebe lezeMpilo ePhondweni uMkhululi Ndamase, udiza ukuba amagosa esibhedlele azamile ukutsalela inombolo ebishiywe nguMoyeni, kodwa ngaphandle kwempumelelo.

Isebe le nyewe liyinikele emapoliseni nakoonontlalontle ekubeni aphande nangona nje namapolisa afika engekho uMoyeni kule ndlu wayebhalise yona ngethuba engena esibhedlele eGrey.

Uyabongozwa onokuba nolwazi ekubeni atsalele esi sibhedlele okanye uNomzingisi Mnyiphika oyingqonyela yesi sibhedlele. UMoyeni wabhalisa ikhaya lakhe athi liseTolofiyeni nangakhange aziwe ngabamelwane.