UStuart Baxter uxakiwe kukusebenzisa uNgcobo othandwa ngabalandeli

UNkosingiphile Ngcobo ngumdlali weKaizer Chiefs othandwa kakhulu ngabalandeli. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uStuart Baxter, ude wavuma ukuba akayazi eyona ndawo efanelwe kukudlalwa ngomnye wabadlali bakhe abasakhulayo, uNkosingiphile “Mshini” Ngcobo. Oku kuthethwe nguBaxter buqu emva kokuba iChiefs ibambene ngeqanda neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium ngoLwesibini wale veki. Nangona uNgcobo, 22, ebengomnye wabadlali abadlale kakuhle nabafake amagowuli kwisizini egqithileyo phantsi kukaGavin Hunt no-Arthur Zwane – kodwa izinto zaguquka oko kwathi kwafika uStuart Baxter. Abadlali abasakhulayo abasanikwa amathuba okudlala ngoba uBaxter woyame kakhulu kubadlali abadala abangakwazanga ukuyinceda kakuhle iChiefs kule sizini isongwayo.

Emdlalweni wale veki, uNgcobo ufakwe kwisigaba sesibini wenza umahluko emdlalweni noxa iChiefs ingakwazanga ukusebenzisa amathuba. UBaxter uvumile ukuba akayazi eyona ndawo efanele kukudlalwa nguNgcobo. Phambi kokufika kukaBaxter, uNgcobo ebebonwa njengomnye wabadlali abanesiphiwo nekamva eliqaqambileyo, ngakumbi emva kokuzibonakalisa kumaqela esizwe abadlali abancinane. “Zizinto eziliqela ezenzekayo. UMshini usebenza kakuhle ejimini. Ngokwendlela esidlala ngayo, yena ukhuphisana noKhama Billiat, uKeagan Dolly noBernard Parker. Bonke abo ngabadlali abanamava kunaye. Ndixakiwe, futhi ndibaxelele nabaqeqeshi endisebenza nabo ukuba andiyazi indawo emfaneleyo,” utshilo uBaxter ecacisa ukungadlaliswa kukaNgcobo.

“Andizami kuthi asingeke simdlalise – kodwa sizamile ukumsebenzisa nakwezinye iindawo. Mhlawumbi ndoyisiwe kukumsebenzisa kakuhle okanye nguye ongakwaziyo ukungena kakuhle kwindlela esidlala ngayo. Andikancami kodwa ngoba ndizimisele ukumzama kwenye indawo anokuyithanda,” utshilo uBaxter. Ngethuba uBaxter engaphilanga ngenxa yeKhorona, uMshini ufake amagowuli amabini phantsi kukaZwane. UBaxter akafunwa ngabalandeli abathile ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChiefs nokungasebenzisi kwakhe abadlali abathile. Amakhosi asahleli kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership emva kweRoyal AM elwela indawo yesibini ukuze ifumane ithuba lokumela uMzantsi Afrika kwiCAF Champions League kulo nyaka.