Akhunjulwe amaqhawe namaqhawekazi ephondo

Usapho lweqhawekazi kwanetshantliziyo elinguCharlotte Makgomo Maxeke nobe luzimase umsitho wokuwongwa kwamaqhawe kwakunye namaqhawekazi kundlunkulu eBhisho ngoLwesine, luthi nalo alumazi nasebusweni uCharlotte kodwa ngenxa yemisebenzi nokuduma kwakhe bayamazi.

Usapho lweqhawekazi uCharlote Maxeke kunye noSomlomo wePalamente yePhondo iMpuma Koloni uHelen Sauls- August kumsitho wokuwonga amaqhawe eBisho

Oku kuza emva kokuba iWomen’s Caucus ithe yaququzelela umsitho wokuvala iNyanga yamaLungelo oLuntu, ngokuthi kuwongwe kwanokuqwalaselwa la maqhawe kwakunye namaqhawekazi ngokwakha amatye anamagama abo ngaphakathi nangaphandle kule ndlu ngeenjongo zokuba angalibaleki ngendima yawo.

uThobile Bam ngomnye wabantu abawongwe kumsitho wokuwonga amaqhawe eBisho. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Aba nguMam’ uAlbertina Nontsikelelo Sisulu, uNokhanime (MamTshawe) Thomas, uNcumisa Chwayita Kondlo, uMary Nombulelo Tembela, uFezeka Sister Loliwe, uMandla Rema Makupula, uThobile Sithili Bam, uThobile Bra Thobo Mhlahlo, uMakhenkesi Bra Stof Stofile, uMfengu Ndlovu Makalima, uGhishma Barry, uEdward Eddie Trent kwakunye noSr Mary Quinlan owabulawa ngethuba eyokusindisa abahlali baseDuncan Village eMonti.

UEllias Manci, 80, osisizukulwana sikaCharlotte ulilile ngethuba kutyhilwa ilitye likamakhulu wakhe, esithi beva imbali entle ngaye nangona nabo bengamazi.

“Lo mama nam andimazi kwaye asimazi nasekhaya, ndiqinisekile waziwa ngookhokho bethu, njengokuba ndimdala mna kuqala andimazi. Kodwa esizidla ngako kukuba oko sakhula kuthethwa ngaye kamnandi kwaye sivuyela nokungacimi kwegama lakhe silusapho. Oku kubonisa nyani ukuba wayidlala eyakhe indima, walenza utshitsho, siyabulela,” utshilo uManci.

Usapho lukaBam, luthethelwa nguBishop Ebenezer Ntlali, uthe baziva bebancinci kwaye behloniphekile belusapho lakwaTyali kwakunye noBam sesi senzo sihle.

“OoThole, ooNdlangisa namaHlubi ooRhadebe babamba ngazo zozibini ngeli litye lingasoze lilibaleke nakwisizukulwana sesizukulwana. Nabantwana bakaThobo balapha nabo bezokungqina umsebenzi katata wabo,” utshilo uBishop Ntlali, watsho esenza umthandazwana, ecelela iANC.

Onke amalungu eentsapho zala maqhawe namaqhawekazi ebeyinxalenye nalo msitho. Usapho obe lungekho lolukaSr Mary Quinlan nanjengoko selwathuthela kumazwe aphesheya, noluye lwathathelwa ngamanina amathathu enkonzo awayesebenza phantsi kwayo.

USekela-Mphathiswa weeNkonzo zoLuntu kuZwelonke, uNoxolo Kiviet, nobe sisithethi sembeko, uthi usikelelekile kwaye unethamsanqa kuba phantse bonke abawongiweyo wasebenza nabo. Uthi babini kuphela angazange asebenze nabo kuba bebadala kakhulu kuye. Uthe uxanduva ngoku lelokuba aba baseleyo bashiyeke beqhubekeka bephakamisa la magama.

UBukiwe Fanta nongusihlalo weWomen’s Caucus nokwalilungu lePalamente eBhisho, uthi bengamanina balwela ukubona amanye amanina ephakama, kwaye nangelinye ilanga bangathanda ukubanomongameli olinina.