Ubomi kwisidlwengu emva kweminyaka eli12

UPhakamile Folokhwe Coko, 54, ugwetywe yinkundla yamatyala yaseMdantsane emva kokuba ethe waphindaphinda edlwengula intwazana eneminyaka elishumi ubudala. UCoko, le ntwazana ebeyidlwengula yeyomzi obethenjwe kuwo kakhulu, ebemane ukuncedisa kuwo kungekazalwa nexhoba elo. Ixhoba lizalwa phambi kwakhe kwaye likhula elijongile, kanti umana ukulidlwengula.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi uCoko uqale ngo2010 ukudlwengula le ntwazana ngelixa esebenza kwikhaya layo, emane ecelwa ukuba aqhube imoto ayise esikolweni.

UTyali uthi ixhoba zange lichaze kuba laligrogriswe ngokubulawa ukuba lichazile kowalo. Le ngxaki kukhona liyichaze ngo2020 kumama walo emva kokuba lingakwazi ukumelana nentlungu kwanobunzima bokuthula.

Ngethuba kuqhuba ityala uCoko wayiphika enkundleni ukuba ebedlwengula umntwana. Kodwa ngethuba ephekwa esophulwa ngabatshutshisi zange abe nampendulo okokuba kutheni ixhoba liza kutyumba yena.

UMlawuli woTshutshiso loLuntu kwiMpuma Koloni, uBarry Madolo, uthe esi sigwebo kufanele ukuba sikhuthaze namanye amaxhoba ekubeni athethe nokuba ayehlukunyezwe kudala.