IChippa United igxeleshe ukubetha iStellenbosch inyukele phezulu

Abadlali beChippa bengena ebaleni phambi kokuqala komdlalo weDStv Premiership. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Yimidlalo emithandathu qha kusongwe isizini yeDStv Premiership ka-2021/22. Kuloo midlalo, kunyanzelekile iChippa United iyiphumelele yonke ukuze isinde ezembeni kwinyanga ezayo. Ukungqisha kwayo ndawonye ngunozala wokungaqhubi kwayo kakuhle emidlalweni egqithileyo. Ibenelishwa kekambe kwiveki ephelileyo ngethuba usohluthwa amanqaku amathathu yiSuperSport United emdlalweni weDStv Premiership ophethe ngegowuli elinye macala eLucas Moripe Stadium. Igowuli lokuqala lika-Azola Matrose lanika ithemba iqela laseMpuma Koloni ekuye kwafakwa igowuli kulo ngenxa yempazamo eliyenze emizuzwini yokugqibela yomdlalo.

Kufuneka iqela likaKurt Lentjies liyiphose kwelokulibala into eyenzeke ePitoli xa lisamkela iStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership oza kube useSisa Dukashe Stadium emalanga ngeCawe. Kunyanzelekile iChippa ifumane amanqaku amathathu ukuze ikwazi ukuphumfumla okomzuzwana kwindawo ekuyo ngoku. Ukubetha iStellenbosch yinto engelulanga ngoba sidlala kakuhle kakhulu kule sizini. Naso njengokuba sisiza eMonti, sincwase amanqaku amathathu ukuze sibethelele indawo yaso kumaqela amane aphambili kwiDStv Premiership. Kungokunje iStellenbosch ihleli kwindawo yesithandathu emva kokuqokelela amashumi amathathu anesithandathu emidlalweni engamashumi amabini anesine.

Ukuba iphumelele, ingenyukela kwindawo engasentla – kodwa kwakuxhomekeka kwiiziphumo zamanye amaqela. Yona iChippa ihleli kwindawo yeshumi alinesithathu emva kokuzuza amashumi amabini anesibini amanqaku. Kufuneka ingabethwa iChippa emdlalweni ongeCawa ngoba amaqela asemva kwayo akekudanga kuyo ngamanqaku. ULentjies uza kuthembela kubadlali abafana noBienvenu Eva Nga okwindawo yesithathu ngamagowuli alishumi kule sizini. Okothusileyo ngoMnu. Siviwe Mpengesi kukungaqeshi umqeqeshi omtsha endaweni kaLantjies amnike uxanduva lokuqeqesha esengumqheliswa.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: AmaZulu vs Maritzburg United @Moses Mabhida Stadium, 15:00; Sekhukhune United vs TS Galaxy @Makhulong Stadium, 15:00; Cape Town City vs Royal AM @Cape Town Stadium, 17:00; Kaizer Chiefs vs SuperSport United @FNB Stadium, 19:30

Cawa: Chippa United vs Stellenbosch @Sisa Dukashe Stadium, 15:00; Marumo Gallants vs Swallows @Peter Mokaba Stadium, 15:00