Iintambo zithathwe nguKobola emva kokususwa kukaKgoloko Thobejane

UKgoloko Thobejane esengumqeqeshi weBaroka FC. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Njengokuba kusondela iintsuku zokusongwa kwesizini eqhubekayo, inani labaqeqeshi abagxothwa ngamaqela liyanda. Kwisithuba nje senyanga, amaqela adlala kwiDStv Premiership sele egxothe abaqeqeshi abane. Kuqale uBenni McCarthy oye wakhululwa kwakucaca ukuba AmaZulu akaqhubi kakuhle. Emva kwakhe kuye kwagxothwa uLehlohonolo Seema yiGolden Arrows. Kwiveki ephelileyo, iKaizer Chiefs igxothe uStuart Baxter engagqibanga nesizini. Ekuqaleni kwale iveki, uKgoloko Thobejane ukhonjiswe umnyango yiBaroka FC emva kokuba ibethwe yiSwallows ngo’3-2 nangona ibihamba phambili emdlalweni obungempelaveki edlulileyo.

Abaqeqeqshi balahlekelwe yimisebenzi ngenxa yeziphumo ezibi okanye ezingonelisiyo. Yona iBaroka inethuba elide kakhulu itsala nzima kwiDStv Premiership kwaye akucaci kakuhle ukuba kutheni abaphathi beBaroka kungona bemkhululayo sekuphela nemidlalo omnye umqeqeshi ebenokuyisebenzisa ukuze isinde ezembeni. Indawo kaThobejane ithathwe nguVincent Kobola obelisekela lakhe kude kuphele isizini. Kwingxelo ekhutshwe emalanga ngoMvulo, iBaroka ithe uThobejane uza kubuyela kwiqela labadlali abasakhulayo abadlala kwiDStv Diski Challenge.

UStanford Nkoana uza kuba ngumncedisi kaKobola kwiBaroka emidlalweni emine eshiyekileyo. Nangona iBakgakga isetshobeni kwiDStv Premiership – kodwa lisekhona ithuba lokuba ilwele ukuliphepha izembe xa kuvalwa isizini kwinyanga kaCanzibe. Kulindeleke iBaroka idibane neGolden Arrow neSuperSport United ekhayeni layo. Indwendwele iChippa United ekhayeni layo eGqeberha phambi kokuvala isizini neMaritzburg United. Ukuba iBaroka ingathotyiselwa, iza kulandela iBlack Leopards nePolokwane City – amaqela waseLimpopo athotyiselwe eminyakeni edlulileyo.