Umphathi weChippa United wandisa ulwazi lwakhe kwezoqeqesho

Umphathi weChippa United ubuyele emva kwedesika egumbini lesikolo – apho afundela khona ukuba ngumqeqeshi. Kwiiveki ezidlulileyo abantu abaninzi bothukile xa bebona uMnu. Morgan Mammila ehleli noKurt Lentjies ebaleni ngethuba iChippa United ibetha iStellenbosch emdlalweni weDStv Premiership obuseSisa Dukashe Stadium. Ingcaciso ephume kwiChippa ithe uMammila usebenza njengomncedisi womqeqeshi ngenxa yolwazi analo ngebhola ekhatywayo. Kanti kwangaxeshanye, uMammila ufumene ithamsanqa elikhulu ngethuba ebandakanywa kwinkqubo yokuphuhliso lwabaqeqeshi abatsha ebikhokelelwe yiSouth African Football Association kwisithili saseNelson Mandela Bay.

Babalelwa kumashumi amathathu abaqeqeshi abasakhulayo kwezoqeqesho abathe bafumana ithuba lokuzuza uqeqesho olusemgangathweni ophezulu iintsuku ezisibhozo zonke. UMammila ebephakathi kwabo ngoba uzinike uxanduva lokufunxa ulwazi olungamnceda kuhambo lwakhe olutsha njengomqeqeshi. Ingaba okwenziwa nguMnu. Mammila kunento yokwenza nokusokola kweChippa United esazama ukuphepha izembe njengakwiminyaka egqithileyo? Akukho bani waziyo. Kwabanye abantu ubukho bakhe ebaleni bekungabonakala njengendlela ethile yokulawula umqeqeshi. “Ndibone kubalulekile ukuba yinxalenye yale nkqubo ngoba iyafundisa kakhulu,” utshilo uMphathi weChippa.

“Ebomini sifunda izinto ezintsha futhi kungenzeka endikufundileyo ndikusebenzise ngenye imini. Ndingumqeqeshi wesibini olisekela kwiChippa United. Yiyo lo nto kubalulekile kum ukufunda ngokuqeqesha. Njengokuba ndiqalile, sobe ndiyeke ndide ndifumane esona setifiketi esiphezulu soqeqesho ebholeni ekhatywayo,” utshilo uMnu. Mammila. Abaqeqeshi abasakhulayo bafumene ithuba lokufunxa ulwazi ngebhola kwiingcali zebhola ezifana noThabo Senong – ongomnye wabaqeqeshi beSekhukhune United kule sizini eqhubekayo. Ngomhla wesine kuCanzibe, iChippa United iza kulwela ukufumana amanqaku apheleleyo xa idibana neCape Town City emdlalweni weDStv Premiership oza kubanjelwa eNelson Mandela Bay Stadium.