UMandla Ncikazi ufuna isikhonkwane sokugqibela kwiAl Ahly Tripoli!

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla Ncikazi, ethetha neentatheli emva kokubetha iAl Ahly Tripoli emdlalweni weCAF Confederation Cup obuseMartyrs of February Stadium, eLibya, kwiveki ephelileyo; Umfanekiso: Abbas Farda/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla Ncikazi, ufuna iqela lakhe libethelele isikhonkwane sokugqibela emdlalweni olandelayo esiza kuqinisekisa ukuba iAl Ahly Tripoli ayikwazi ukufumana amandla. Ezimnyama zingene eLibya zabuya nempumelelo yamagowuli amabini (2-0) zibetha iAl Ahly emdlalweni obungeCawe egqithileyo obuseMartyrs of February Stadium. Amagowuli ancede iPirates emlenzeni wokuqala weCAF Confederation Cup afakwe ngumdlali wasemva u-Innocent Maela noGoodman Mosele odlala esiswini. Amagowuli amabini ayinike ithuba elihle iPirates lokuya kumdlalo wamagqibelakqankqoyi. Kodwa njengokuba iqela laseLibya liza kudibana nePirates emdlalweni wesibini e-Orlando Stadium, uNcikazi akafuni lichole naphantsi.

“Besidibene neqela elidlala ibhola entle kakhulu,” utshilo uNcukazi kwiintatheli emva komdlalo. Amaqeqeshi bePirates, uNcikazi noFadlu Davids, banethemba lokuvala iizini kakuhle ngokuphumelela iCofederation Cup emva kokungaqhubi kakuhle kweqela labo kwiDStv Premiership. Emva kokubetha iqela eliyingozi njengeSimba SC yaseTanzania emdlalweni obuseSoweto kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, iPirates iza kuya emdlalweni wangempelaveki ukuzithemba kuphezulu futhi ifuna ukudlalela ukwandisa amathuba wayo okuphumelela indebe. Kodwa nangona kunjalo, uNcikazi akafuni abadlali baye emdlalweni becinga ukuba kugqityiwe. Ufuna abadlali bakhe badlale ngathi khange badlale neTripoli.

“Ndiyayincoma indlela abadlali bethu abadlale ngayo – kodwa mandincome nabaphathi ngokusilungiselela indlela yokuhlala apha. Iziphumo ziyandonwabisa ngoba ifumene impumelelo sikude ekhaya – kodwa umdlalo awukapheli. Sisakhokela, wona umdlalo awukapheli. Kufuneka senze into efanayo nesiyenze apha xa idlalela ekhaya. Siza kulungiselela ukuqubisana neqela elidlala kakuhle,” utshilo uNcikazi osecicini lokuphumelela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi. Kungenzeka iPirates idibane neTP Mazembe ehamba phambili ngo’1-0 emva kokubetha iRSB Berkane yaseMorocco ukuba ikwazile ukuzikhusela emdlalweni wesibini. Aphumeleleyo aza kudlala umdlalo wokugqibe weCAF Confederation Cup kwibala eliseNigeria, itshilo iCAF.