Uvuye okosana oqinisekise ukuhlala kweTS Galaxy kwiDStv Premership

UGiven Msimango ngumdlali weTS Galaxy. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Zithe xibilili izibilini kubaphathi nakubalandeli beTS Galaxy emva kokuba ikwazile ukugcina indawo yayo kwiDStv Premiership emva kokusokola kwisizini ka-2021/22. UGiven Msimango, ofake igowuli elibalulekileyo, uvuye okosana emva kokuba iTS Galaxy ibethe iChippa United ngo’1-0 emdlalweni wokugqibela obuseNelson Mandela Bay Stadium. Iqela likaTim Sukazi liye eGqeberha kwiveki ephelileyo lidinga impumelelo ukuze liqinisekise ukuhlala kwalo kwinqanaba lebhola eliphezulu eMzantsi Afrika. Yona iChippa United kwelinye icala ibisele iqokelele amanqaku oneleyo ayisindise ezembeni. Ukuphumelela kweTS Galaxy kumshiye encumile uMsimango ngoba ibiligowuli lakhe lokuqala kwiqela alikhokelayo.

“Ngege ndililibale ixesha endilifumene ngalo igowuli lam lokuqala. Kodwa okundichulumancise kakhulu yindlela iqela ebelizinikele ngayo phambi kokusongwa kwesizini. Kumnandi kum ngoba sikwazile ukubonisa ukuba siyakwazi ukulwa. Sithi abazifaka engxakini. Ikwa sithi abaphinde bazonyula,” utshilo uMasango emva komdlalo. Nangona iTS Galaxy ibinabo abadlali abanamava kwinqanaba eliphezulu – kodwa izinto khange ziyihambele kakuhle ncam. Kangangokuba kuye kwanyanzeleka iqeshe uSead Ramovic endaweni ka-Owen Da Gama ekuthambekeni kuka-2021. “Ndivuya kakhulu ngoba sikwazile ukufumana amanqaku amathathu ahlangule iqela engxakini. Yeyona nto ebalulekileyo kuthi leyo.

“Ndibonile ukuba sicinezelwe emdlalweni. Kuthe xa sifumana ikona, ndaqonda ukuba mandiye mhlawumbi kukho into engavela. Ibhola ibetheke emntwini yabuyela kum, kuyekwanyanzeleka ndilisebenzise ithuba elivelayo. Ngelo xesha besingazi ukuba kwenzeka ntoni kweminye imidlalo. Beizixelele ukuba asizukuziduba ngokwenzeka kweminye imidlalo,” utshilo uMasango. Kwelinye icala, iBaroka FC ithotyiselwe emva kokubethwa ngo’1-0 yiMaritzburg United. ABakgaga balandeli iPolokwane City neBlack Leopards aziye kwiGladAfrica Championship ngokulandelelana. Yona iSwallows ifumene ithuba lokudlala imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) emva kokubambana neKaizer Chiefs ngo’2-2 emdlalweni wokugqibela.