Ilifu elimnyama kumaMpondo

King Zanozuko Tyelovuyo Sigcau during the Dagga Conference in 2019 at East London ICC.Picture by BHEKI RADEBE

Zivakele zabuhlungu iindaba zokukhothama kweKumkani yamaMpondo jikelele, umhlekazi uZanozuko Tyelovuyo Sigcau.

Ukukhothama kwale Kumkani kuqinisekiswe nguNkosi uNzululwazi Jongilanga Sigcau oyiNkosi eyintloko ekwasisithethi seKomkhulu lamaMpondo eQawukeni.

Emva kwedabi elide langaphakathi kubuKumkani bamaMpondo uMongameli uJacob Zuma wakhupha isiqinisekiso sokuba uZanozuko Sigcau uyiKumkani yamaMpondo jikelele.

UNkosi Nzululwazi Jongilanga Sigcau ucacisela isizwe ngokukhothama kwale Kumkani.

“UKumkani ukhothama ngexesha apho isizwe samaMpondo besikwiphulo lokumanyanisa zonke izindlu zamaMpondo, ukuze kuphunyezwe umbono weKumkani,” kucacisa uJongilanga Sigcau.

Ethetha eMagwa ngonyaka ka2021, uZanozuko wamemelela imanyano nentsebenziswano kwisizwe samaMpondo.

“Sivuyiswa kukubona amaSebe kaRhulumente esiza emaMpondweni, okwethu kukumanyana siqhube uphuhliso lwesi sizwe sikaFaku,” watsho uKumkani.

Le Kumkani ikhothama kusalindeleke ukuba yenzelwe umsitho osesikweni wokuyamkela njengeKumkani emva kokulibaziseka ngenxa yeyantlukwano zangaphakathi.

“Siyayibulela inkxaso esiyifumana kuluntu okwangoku, kwaye siza kwenza isaziso esisemthethweni kungekudala,” kutsho uNkosi Jongilanga Sigcau.

UbuKumkani bamaMpondo basungulwa ngeminyaka esukela kwixesha i500AD, buphuma kuNjanya ozalwa nguSibiside. UNjanya owathi wazala uMpondo, yena owazala uSihuwa owazala uMthwa nezinye iiKumkani ukuza kuma ezantsi kooNgqungqutshe, ooFaku, ooMqikela nooSigcau.

UbuKumkani obusemthethweni bamaMpondo basungulwa nguKumkani uCabe ozalwa nguNgcindise eNdimakude eSiphaqeni ngeminyaka yakudala.

Esi sizwe sizibonakalise kaninzi kwiziganeko eziphambili kwimbali yoMzantsi Afrika ngokukodwa kwiinzame zokukhululwa kweli lizwe.

Ngonyaka ka1912 ukusungulwa kombutho weANC eFreyistata, ubuKumkani bamaMpondo bathumela iinkabi zenkomo buxhasa ukusekwa kwalo mbutho. Ngo1914 kwimfazwe yokuqala yehlabathi ubuKumkani bamaMpondo bathumela amadoda angaphezu kwamakhulu amathathu ukuya kuncedisa iBlitane kuloo mfazwe. Elo gqiza lamadoda wamaMpondo lalikhokelwe nguNkosi Henry Bokleni noNkosi uRichard Ndamase.

Usodolophu woMasipala weSithili iAlfred Nzo, uVukile Mhlalambela, wenze amazwi ovelwano kwisizwe samaMpondo ngokukhothama kwale Kumkani yamaMpondo.

“SinguMasipala wesi sithili sivakalisa amazwi ovelwano kwisizwe samaMpondo ngokubanzi, sikunye nabo ngeli xesha libuhlungu kangaka,” utshilo uMhlalambela.

UbuKumkani bamaMpondo phantsi kweKumkani uZanozuko Sigcau budibanisa iidolophu eziquka iLusikisiki, Sajonisi, Ntabankulu, Ngqeleni, Libode, Mbizana nesiPhaqeni.

Ngelilandela isiko lamaMpondo, le Kumkani kumele ukuba ingcwatyelwe eQawukeni eliKomkhulu elimiyo lesizwe samaMpondo. EQawukeni kulapho kulele khona iiKumkani zesizwe samaMpondo zangaphambili.

Kwiinzame zokubuyisa isidima sesizwe samaMpondo umbutho owawuzibisa ngokuba yiMbumba yamaMpondo wanyanzelisa ukombathiswa ngokusesikweni kukaKumkani uZanozuko Sigcau kuba babekruquke kukulinda.

Kulindeleke ukuba kubanjwe intlanganiso phakathi kwezindlu eziphambili zamaMpondo eQawukeni eziquka uSigcau, Ndamase, Mqikela nezinye.

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kulindeleke ukuba atyelele iKomkhulu lamaMpondo kungekudala.