USipho Mbule uthengiselwe iMamelodi Sundowns, utsho uMatthews

USipho Mbule ngumdlali weMamelodi Sundowns ukusukela namhlanje.

Emva kokwenziwa amaqashiso ngekamva likaSipho Mbule ixesha elide, namhlanje ufumene ikhaya elitsha. Ngoku ungumdlali opheleleyo weMamelodi Sundowns. Oku kubhengezwe yiSuperSport United abeyidlalela ngentsasa yanamhlanje. Ukusukela ekuqaleni konyaka ka-2022, uMbule khange akwazi ukuyidlalela iSuperSport United emva kokusikwa ngabaphathi. Lo nto yenzeka emva kokuqhankqalaza kwakhe kuba wayefuna ukuhamba njengabadlali abafana noTeboho Mokoena odlalela iSundowns naye ngoku. Ngelo xesha umqeqeshi wakhe yayinguKaitano Tembo owagxothwayo naye ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.

UMbule, 24, waqala ukudlalela iqela elikhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika kwisizini ka-2015/16 kwiSuperSport United (Academy) esuka kwiVirginia Sports Academy. Ukusukela ngoko, uMbule udlalele Amatsatsantsa imidlalo emininzi kwaye ukwazile ukuwanceda aphumelela indebe yeMTN8 kabini. Wayekhona nangethuba iSuperSport ibethwa emdlalweni wokugqibela weCAF Confederation Cup phantsi kuka-Eric Tinkler ngonyaka ka-2017. “Oku kukwazisa ukuba iSuperSport United neMamelodi Sundowns zivumelelene ngokuthengiselana uSipho Mbule ongumdlali wasesiswini,” utshilo uStan Matthews.

“Kusivisa kabuhlungu ukulahlekelwa ngumdlali onesiphiwo njengoSipho, ngakumbi kwikhabathiso akulo. Akukho nto esingayizamanga esemandleni wethu ebinokuguqula izinto – kodwa kwiinyanga ezigqithileyo kuye kwacaca ukuba ingqondo yakhe ayisekho kwiSuperSport United. Sibone kulungile ke ukohlukana naye ngesihle. Simnqwenelela okuhle kodwa kwaye sinethemba lokumbona eqhuba kakuhle kwiqela lakhe elitsha nakwiqela lesizwe,” utshilo uStan Matthews oyingqonyela yeSuperSport United. UMbule uwadlalele onke amaqela esizwe elizwe loMzantsi Afrika, ukusukela kwi-Under 17 ukuya kuBafana Bafana. Ngoku ulandela amadoda afana noMokoena noModiba.