UMbule ukhethe ukudlalela iDowns ekwaziyo ukuqokelela iindebe!

Sipho Mbule.

Emva kokufika kwakhe kwiMamelodi Sundowns, uSipho Mbule uzityande igila ngesona sizathu esibangele akhethe yona. UMbule, 24, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu kwiSundowns emva kokubhengezwa njengomdlali wayo opheleleyo kwiveki egqithileyo. Ukufika kwakhe kwiintshatsheli zeDStv Premiership kutshabalalise onke amaqashiso ebekade esenziwa ngekamva lakhe. Isizini ka-2021/22 ivalwe sele engasadlaliswa yiSuperSport United eyamsikayo emva kokuqhankqalazela ukuhamba ekuqaleni konyaka. Ngelo xesha wayefunwa kakhulu yiKaizer Chiefs – kodwa uKaizer Motaung Jr wathi mancama kwakucaca ukuba uStan Matthews akanamdla ncama wokumkhululela uMbule.

“Eminyakeni egqithileyo, iSundowns lelona qela eligqugqisileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika,” utshilo uMbule, ethetha kumabonakude ekuthiwa yiSundowns TV. Ulandela emva kwabadlali abafana noTeboho Mokoena, uGrant Kekana no-Aubrey Modiba abasuka kwiSuperSport United kutshanje. “Inabadlali abasemgangathweni ophezulu iSundowns kwaye ukhuphiswano kuphezulu ngeyona ndlela. Ndiyidlalile imidlalo yeCAF ndisengumdlali weSuperSport – kodwa ndizive ingathi ikhona into endingayenza ngcono xa ndikwiSundowns. Seso sizathu esibangele ndikhethe iSundowns. Ndifuna ukudlala kwinqanaba eliphezulu ndiphumelele neendebe. Ukuphumelela iindebe yinto entle. Wonke umdlali webhola ekhatywayo unephupha lokuphumelela iindebe.

“Yinto leyo wonke umdlali afuna ukukhumbula ngayo iintsuku zakhe zobutsha njengomdlali. Zimbini iindebe ezifumene kwiSuperSport: ziindebe zeMTN8 zombini. Ngokuza kwam kwiSundowns ndinethemba lokuzongeza,” utshilo uMbule. Kulindeleke abe yinxalenye yabadlali abaziwayo abafana noGaston Sirino, Andile Jali, uPeter Shalulile noThemba Zwane. “Into endizayo kwiSundowns yitalente yam futhi ndivuyela ukudlala nabadlali abangoompondozihlanjiwe bodwa. USipho ngulo bamaziyo abantu. Uze kwiDowns kubaliqela elidlala ibhola ebukeleyo,” uvale ngaloo mazwi uMbule. Nangona iDowns ityholwa ngothenga abadlali kuba ingafuni bathathwe ngamaqela ekhuphisana nawo – kodwa kulindeleke yongeze abanye abadlali phambi kokuqala kwesizini entsha kwiinyanga ezizayo.