Uvela enkundleni obeloba amaxhoba odlwengulo kuFacebook

UXolisa Sojada wakuQumbu ugwetywe izihlandlo ezintandathu zobom ngaphezulu yaba yiminyaka engama135 engaphakathi ejele. USojada, 35, ugwetywe yiNkundla ePhakamileyo yaseMthatha.

Ebeye ameme amantombazana amahle kuFacebook, esebenzisa igama elingelolakhe elingu “Neo Jerry” kwaye ekwasebenzisa nomfanekiso ongengowakhe kuFacebook, nto leyo ibisenza amantombazana arhwebesheke lula ngulo kaSojada.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uLuxolo Tyali, lo kaSojada wafunyanwa enetyala lokudlwengula awabulale kwaye awaphange izinto zawo amaxhoba.

UTyali uthi ebeye athethe kamnandi namantombazana kuFacebook de amaxhoba la amthembe engekamboni ngokobuso.

“Ebeye amaxhoba akhe awamemele kwidolophu yakuQumbu apho ebeye awaqhathe athi ungumnikazi weeteksi awazifumana kutata wakhe owayetyebile kuQumbu. Xa amaxhoba efika edolophini kuQumbu ebeye awatsalele umnxeba awaxelele ukuba mawalinde ndawoni ukuze azokuthathwa ngubhuti wakhe njengoko yena esaxakekile ibe inguye uqobo. Kulapho ebeye awadlwengule, awaphange, amanye amaxhoba awabulale kwindawo esithakeleyo kuQumbu,” utshilo uTyali.

INPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaSojada ikwalumkisa amakhosikazi ekubeni azilumkele izinto ezinje.

UMlawuli weeNkundla ePhondweni (DPP) uBarry Madolo, uqhwabele izandla umcuphi weli tyala uKapteni Xolile Mdepa.