AmaBhokobhoko ancwase ukuyikrwitsha iWales kowokugqibela eKapa

UTrevor Nyakane woMzantsi Afrika noDan Biggar okhokela iWales emdlalweni obuseToyota Stadium, eBloemfontein. Umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Umqeqeshi waMabhokobhoko ukwamkele ukubethwa kweqela lakhe ebelinemiqheliswa – kodwa ushiyeke encumile yindlela abadlali bakhe abatsha abadlale ngayo eToyota Stadium, eBloemfontein. AmaBhokobhoko aphise ngomdlalo kwiWales ephumelele ngo’13-12 emdlalweni wovavanyo wesibini abewulawula kwimpelaveki egqithileyo. Nangona abakhimkhanyo bebebone ukufakwa kwabadlali abatsha eqeleni likaJacques Nienaber njengokujongela phantsi iWales – kodwa indlela abadlali abatsha abazijule ngayo emdlalweni inconyiwe kakhulu. “Sasithe sinesicwangciso sabadlali abangamashumi amane anesibini. Ukuba besidlalise abadlali bethu besiqhelo, besingeke sibanike abatsha ithuba lokudlala. Iimpendulo ebesizifuna sizifumene kwaye sanelisekile,” utshilo uNienaber oye wavuma ukuphoxeka emva kokubethwa kweqela.

“Amandla wokwenza umsebenzi besinawo, qha siphoxwe kukungakwazi ukuwasebenzisa amathuba. Kubekhona ukuhexa kuthi kodwa kwisigaba sesibini. Okuhle kukuba abadlali bafundile ngezinto ezibalulekileyo emidlalweni yovavanyo. “Sidlalela into engaphezulu kweziphumo zomdlalo. Sidlalela abalandeli noMzantsi Afrika. Siphoxekile kukubethwa yiWales – kodwa ke sisaya emdlalweni wokugqibela,” utshilo uNienaber. UWarrick Gelant noDeon Fourie bathe iSpringbok ssibethwe yiWales ngenxa yeempazamo – kodwa bazimisele ukulungisa izinto emdlalweni wokugqibela eKapa emalanga ngoMgqibelo.

“Besisazi ukuba abadlali beWales baza kuza kuthi bexhinile. Esikufundileyo kukuba kufuneka siwuphumelele umdlalo xa amathuba evela. Izinto azihambanga ngendlela ebesifuna ngayo kodwa siye emdlalweni sifuna ukuphumelela,” utshilo uGelant. Yena uFourie ulivuyele ithuba lokudlalela AmaBhokobhoko eneminyaka eyi-35. “Kubekumnandi ukudlalela iqela lesizwe okokuqala nangona sibethiwe. Sithi abenze iimpazamo ngoba amathuba okufumana amanqaku ebekhona emdlalweni. Into efunekayo kule veki kukulungisa izinto ukuze siyiphumelele imidlalo yovavanyo emdlalweni oseKapa,” utshilo uFourie. Isekela mqeqeshi, uDeon Davids, uvumile ukuba iqela lakhe alikwazanga ukulwa kude kuphele umdlalo, lingafakwa engxakini yiWales efuna impumelelo yesibini eMzantsi Afrika.