UNkwe uthi ufumene isikhundla ekudala esigxeleshile

Umlawili omtsha weCricket South Africa (CSA), uEnoch Nkwe, unethemba lokushiya umzila obonakalayo mhla esuka esihlalweni. OkaNkwe ukuvakalise oku ngethuba ethetha neentatheli okokuqala kwiveki ephelileyo. Ungena esihlalweni esitshisayo esishiywe nguGraeme Smith obekhe watyholwa ngobuhlanga ekuye kwafumaniseka kamva ukuba zizityholo ezingenasihlahla. “Liwonga nethuba elihle kakhulu eli ndilifumeneyo lokuhlala esikhundleni esiza kundinika ithuba lokwenza umahluko kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Abantu abasebenze nam bayandazi ukuba ndingumntu onentshisakalo ngeqakamba yeli lizwe,” utshilo uNkwe. Njengokuba enikwe isikhundla esinamandla, uNkwe uzimisele ukuza neenguqu ezakuhlala zide zimile neengcambu.

“Kudala ndikufuna ukuba kwisikhundla esifana nesi – kodwa umsebenzi awuzukwenziwa ndim ndodwa. Siza kuwenza sisonke futhi ndiyalibulela ithuba endilinikwe yiCricket South Africa,” utshilo uNkwe. Ukuze umsebenzi wakhe umlawuli omtsha ubonakale, kufuneka asebenzisane noMark Boucher – umqeqeshi weqela lesizwe leqakamba. Kunyaka ophelileyo, uNkwe wayengumncedisi kaBoucher – kodwa walahla ebalula ukujongelwa phantsi kwakhe. Ngoku umbuzo uthi: Uza kusebenza njani na noBoucher? Nangona kunjalo, uNkwe uthe yena noBoucher abazizo iintshaba. “Sikhe sadibana noBoucher kunyaka ophelileyo. Ndingatsho ndithi yayikhona into engaqhelekanga – kodwa siye sathetha emva entlanganisweni esasinayo. Akukho nto esilwangayo siziziqu ngoba singabantu abavanayo.

“Uyakuvuyela ukusebenza nam uBoucher kwaye sithethile ngokubaluleka kwemsebenzi esijongene nawo. Ndizimisele ukumnika inkxaso kakhulu ukuze uphumelele umsebenzi wakhe. Okundivuyise kakhulu kukudibana naye phambi kokuhamba kweqela lesizwe eliya eNgilane,” uvale ngaloo mazwi uNkwe. Yona ingqonyela yeCSA, uMnu. Pholetsi Moseki, iqinisekisile ukuba uNkwe ibe ngoyena mntu owenze kakuhle kudliwano-ndlebe kwaye abaphathi beqakamba bachulumancile ngoba iqakamba yaseMzantsi Afrika iphethwe unolwazi futhi onamandla okuwenza umsebenzi. “Into esiyithandayo ngabantu abebekhuphisana ngesikhundla kukuba balapha ngaphakathi kwiqakamba. Naye uNkwe uza kusebenzisana nabo abobantu. Iqakamba isezandleni ezikhuselekileyo,” utsilo uMnu. Moseki.