UVictor Letsoalo imthengise ngezigidi ezithathu zerandi kwiSekhukhune United

UVictor Letsoalo weRoyal AM noFawaaz Basadien weSwallows FC emdlalweni weNedbank Cup. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Ifolosi yaBafana Bafana, uVictor Letsoalo, yothuse umzi ngethuba isaziswa njengomdlali weSekhukhune United izolo. Okothuse abalandeli bebhola kukuba bebemazi efuna yiKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates. Into ebonakalayo kukuba iRoyal AM ebeyidlalela incame yamthengisela iSekhukhune ekuvakala ukuba imfumene ngezigidi ezithathu (R3-million) qha kunamashumi amabini ezigidi akhankanywayo ngethuba efunwa yiChiefs. Kwisizini yeDStv Premiership ephelileyo, uLetsoalo ube ngumdlali wesibini ofake amagowuli amaninzi kwisizini yonke emva kukaPeter Shalulile odlalela iMamelodi Sundowns ophantse wenza imbali ngokulingana noMbesuma owafaka amashumi amabini anesithandathu amagowuli ngesizini enye kwiminyaka engaphaya kweshumi eyadlulayo.

Nangona ingeke itsho esidlangalaleni, oku kuyiqhokre kakhulu iChiefs esakhangela iifolosi ezintsha emva kokukhulula abadlali abafana noLeonardo Castro, uSamir Nurkovic noBernard Parker ekupheleni kwesizini ka-2021/22. Phambi kokuphela kwesizini, uLetsoalo (29) wayitsho into ethi anakuvuyela ukudlalela iqela elifana neChiefs. Kuthe kwakubonakala ukuba iRoyal AM ayingeke imse kwiChiefs ngendlela elula, uLetsoalo uye wacela imkhulule. Yiyo lo nto amaqela amancinane njengeSekhukhune elitsibele ithuba lokumthenga. ULetsoalo ulandele ezithendeni zikaJohn Maduka oye kwiMaritzburg United, indawo yakhe ethathwe nguKhabo Zondo kwiveki ephelileyo.

Ingqonyela yeRoyal AM ivakele ixelela isikhululo saseKapa ukuba iChiefs ibingafuni ukubhatala. Into eyaziyo kukufuna abadlali mahala – kodwa akayichazanga ukuba yimalini le iChiefs ingafunanga ukuyibhatala ngoLetsoalo. Abanye abadlali abafunyenwe yiSekhukhune baquka uDaniel Cardoso, uThamsanqa Masiya noSiphosihle Ntiya-Ntiya. Nangona iThwihli Thwahla ichithe umdlali wayo ophambili, kwelinye icala ikwazile ukufumana abadlali abaziwayo abafana noSamir Nurkovic obedlalela iChiefs, uRuzaigh Gamildein osuka kwiSwallows no-Andre de Jong ekulindeleke ukuba ityhale ngabo kwimidlalo yeCAF Confederation Cup phambi kokuphela kwalo nyaka.