Intsokolo yamakhela igama uBungu

Inzalelwane yaseDuncan Village eyakhulela eMdantsane neyayidume kakhulu kumdlalo wamanqindi, uVuyani Bungu, uthi naninina ukuzibulala akusoze kube siso isisombululo.

Uthi ukuba kwakunjalo ngesele kudala wabuthatha ubomi bakhe ngenxa yentsokolo ekukhuleni kwakhe.

Uthi kodwa kuba wayeyazi ukuba usuka phi kwaye uya phi zange afikelele apho, kwaye namhlanje ungumzekelo kwabaninzi.

Esomeleza abakwezemidlalo, uthi ewe akukho lula ebomini kodwa ukunyamezela ngundoqo.

Ebethetha eMonti ngethuba iSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kuzwelonke lisungula iziko iSilapha eliza kuncedana ngqo nabanoxinizelelo.

UBungu uthi ukuphumelela akukho ngomso, kuthatha ixesha. Uthi intsokolo yamenza ukuba akwazi ukohlula umahluko phakathi kokukhulela ebunzimeni kwanokukhulela entsokolweni. Uthi nguye owakhula ejonge abantwana bakowabo kodwa uthi zange akucinge ukuzibulala.

Umama wakhe wayesebenza emakhitshini eMonti, bembona kanye ngenyanga yabe inguBungu ojongene nomthwalo wakowabo wokugcina kwanokukhathalela abantwana bakowabo emncinci enjalo.

UBungu uthi into eyamenza angaziboni egaxelenga kwiingxaki ezifana nesimo soxinzelelo kukuba zange xa eqala ukuduma atshintshe ukunyathela, wancedwa kukuhlala ethobekile.

Uthi ngamanye amaxesha xa ukhule unengqondo endala, unoxanduva usemncinci, oko kukwenza womelele ebomini, kungabilula ukuba uthabatheke lula ezintweni zobom.

Le ndibano yeli sebe ibangelwe kukonyuka kwamanani abantu abangoosaziwayo abathi bakoyisakala ziingxaki bacinge ngokuzibulala.

UMphathiswa weli Sebe eMpuma Koloni, uFezeka Nkomonye, uthi kuninzi okujongene nabantu abakwezobugcisa, abanye bazenzela ngokwabo uxanduva ngenxa yoxinzelelo abalifumana eluntwini. Uthi xa uzazi ukuba ungubani kwaye ufunani ebomini kuba lula.