URulani Mokwena ulindele umdlalo weDowns neChiefs otshisayo ePitoli

URulani Mokwena ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

IMamelodi Sundowns izilole zonke izikrweqe zayo phambi kokudibana neKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership omkhulu oza kube useLoftus Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje. Emva kokubethwa yiTS Galaxy ngegowuli elinye emdlalweni obungoLwesithathu ebusuku, iSundowns iza kulwela ukuphumelela ukuze kubuye isidima sayo. Amakhosi wona anyathelela phezulu kwelinye icala emva kokuvuthulula iMaritzburg United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obuseFNB Stadium ngoLwesibini wale veki. Ngenxa yomdla wabalandeli emdlalweni weSundowns neChiefs, amatikiti athengiswe aphela izolo.

Kunyaka ophelileyo, iSundowns ithathe amanqaku amane kwiChiefs efumene umnqongo. Umbuzo: leliphi eliza kuvuma ukubethwa isizini isaqala? Umqeqeshi weSundowns, uRulani Mokwena, uthe umdlalo uza kutsala umdla wabantu ngaphandle kwamathandabuzo ngoba kudibana amaqela amakhulu. “Umdlalo uza kunika umdla ngoba uzithengisa ngolo hlobo ebantwini. Ibonakala lo nto ngenani lamajelo eendaba apha endlini. Kulindeleke kube njalo ke nasebantwini belizwe. Kufanele kube njalo kodwa elizweni elithanda ibhola ekhatywayo. Amaqela amakhulu kufanele akhokele ekutsaleni umdla wabantu,” utshilo uMokwena ethetha neentatheli.

“Ndiyamazi kakhulu umqeqeshi weChiefs (Arthur Zwane). Sisuka kwiintsuku esasiqeqesha ngazo iBlack Poison neGalatasaray. Sihloniphene – kodwa ke ngomhla womdlalo, kuzawudibana ishumi elinanye labadlali nelinye ishumi elinanye ebaleni. Umgangatho weqela ngalinye nguwo oza kusinika umdlalo osemgangathweni ophezulu,” utshilo uMokwena. Kwelinye icala uZwane uvumile ukuba iChiefs isazama ukudibanisa umdlalo wayo emva kokufika kwabadlali abatsha abaliqela. Kwangaxeshanye uyibethelele into ethi iChiefs ayoyiki nelinye iqela kwiPSL. Kodwa uZwane ebekhe wavakalisa ixhala lokonzakala kwabadlali abathile abangqawugqibanga umdlalo eFNB Stadium.