Amakhosi ayinikele umva echiphiza iinyembezi emva kokubhaxabulwa yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amane eqandeni (4-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium. Impumelelo yeSundowns iyibuyisela phezulu emva kokuba iRoyal Am ixangxathwe ngo’3-1 yiStellenbosch FC emdlalweni wanamhlanje. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguGaston Sirino. Ulifake emva kwempazamo eyenziwe nguSiyabonga Ngezana owoyiswe kukuchitha ibhola ayinikwe nguZitha Kwinika emhlabeni kanozinti. Kugqithe imizuzu yalishumi, uNgezane wabamba uPeter Shalulile emgceni womhlaba kanozinti yakhonjwa echaphazeni ibhola nguVictor Gomes.
UShalulile ufake igowuli lakhe lokuqala kule sizini emdlalweni wanamhlanje emva kokungabhaqi kwemibini egqithileyo. Bazamile ukudibanisa iibhola besiya phambili abadlali beChiefs – kodwa amandla bebengenawo kakuhle ngenxa yamagowuli amabini angene kwangoko emdlalweni. URonwen Williams ubephumle kwisigaba sokuqala ngoba bekungekho nto emxakekisileyo. Amasandawana aqale isigaba sesibini enamandla emva kokubhalisa amagowuli amabini kwisigaba sokuqala. Umdlalo ibisele iwuphumelele iSundowns ngoba iChiefs ibingathembisi konke kwicala lokufaka amagowuli. UYusuf Maart noSiyethemba Sithebe bazamile ukutyala iibhola eziphuma esiswini – kodwa ingxaki bezifika kungekho mntu ongazibamba afaka amagowuli. Ithemba leChiefs lokubuyela emdlalweni liphele xa uKhama Billiat enika uWilliam ipenela ebingenawo tu amandla.
UBilliat ebefakwe ebhotileni ngabadlali beSundowns. Kwisigaba sesibini, uShalulile ufake igowuli lakhe lesibini emva kokuba eyekwe ngabadlali beChiefs endaweni embi. Ibethelele isikhonkwane sokugqibela iSundowns ngegowuli elifakwe ngu-Abubeker Nassir sekuphela ixesha. Kweminye imidlalo, iStellenbosch sivuthulule iRoyal AM, ebikade ibambe indawo yokuqala, ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDanie Craven Stadium. IGolden Arrows ibambene neMarumo Gallants ngegowuli elinye emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium. Emva kwemidlalo emithathu, Abafana Bes’thende bafumene inqaku labu lokuqala emdlalo wanamhlanje.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!