Abambene onke amaqela ePSL ngoMgqibelo

Imidlalo emithathu yePremier Soccer League yasemva kwemini ngoMgqibelo, khange kubekho qela liphumelelayo kuyo yonke.

IMaritzburg United ehleli emsileni kwiPSL ibambene neOrlando Pirates, umdlalo waphela la maqela ebambene ngeqanda macala.

ITeam of Choice khange ikwazi ukuwasebenzisa amathuba ewenzileyo kulo mdlalo, loo nto yathetha ukuba izakwamkela inqaku elinye eliza- kuyenza ilingane neUniversity of Pretoria ngamanqaku.

IPirates yona iphose ithuba lokunyukela kumaqela amahlanu okuqala e-PSL. Ngoku abafana bakaTinkler basahleli kwindawo yesithandathu kwiPSL, basemva ngamanqaku amahlanu kwiBlack Aces ekwindawo yesihlanu.

IMaritzburg yiyo eqale yathembisa ngathi izakufaka igowuli kulo mdlalo, ngelixa ifolosi * -Evans Rusike evuthulule ibhola yaphuma kancinci ecaleni kwezinti.

IPirates khange ibonakalise lwamvila kakhulu kwisiqingatha sokuqala, ngaphandle kwebhola edlalwe nguThamsanqa Gabuza nethe yabonakalisa ubuzaza kodwa wayivala unozinti we-Aces uVirgil Vries.

Komnye umdlalo ubuthembisa iintlantsi ngoMgqibelo, iPlatinum Stars ibambene ngegowuli elinye macala neFree State Stars. Ezi ziphumo zithetha ukuba iDikwena izakuhlala ikwindawo yesithathu kwiPSL, namanqaku angamashumi amane anesixhenxe.

IFree State Stars yona iye kuhlala kwindawo yeshumi elinanye.

ULucky Mohomi ufake igowuli lokuqala le-Ea Lla Koto kwisiqingatha sokuqala.

IDikwena idlale ngokuzimisela kakhulu kwisiqingatha sesibini, kwaye emva kwemizuzu emihlanu siqalile isiqingatha sesibini ifolosi uNdumiso Mabena ukhabe ngobuchule ibhola yasimahla yaziyela emnatheni.