Abawuvali umlomo abantu ngenxa kaMatrose obeqala ukudlala

Umdlali osematheni, uAzola Matrose, wenza ezibukwayo kwiChippa United. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Njengokuba izinto zingayihambeli kakuhle iChippa United kule sizini eqhubekayo, ukutyikitya kwayo umdlali osemncinane njengo-Azola Matrose kunconyiwe kakhulu ngabalandeli bebhola ekhatywayo. UKurt Lentjies udlalise uMatrose okokuqala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweChippa neKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo eGqeberha. Amakhosi ayivuthulule ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni obutaka iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium. Nangona iChippa United ishiyeke izikhotha amanxeba – kodwa uMatrose ube ngundabamlonyeni ngenxa yesiphiwo sakhe esihle sokudlala ibhola nesibindi abenaso sokusukela abadlali beChiefs emdlalweni.

“Siyamvuyela siliqela – kodwa sikwanalo noxanduva lokumkhusela. Asinakulindela adlale ngendlela efanayo ngamaxesha onke kwaye kufuneka aqinise ekuzilolongeni. Andingeke ndithi sifumene uMessi okanye uRonaldo ngoba usadinga ithuba lokuzibonakalisa ebaleni,” utshilo uLentjies. Ukunikwa kwabadlali abancinane ithuba ngamaqela akwiDStv Premiership yinto enqabileyo. UMatrose, 18, owazalelwa kwilokishi yaseWalmer, eGqeberha, ubonwa njengomnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo kakhulu ebholeni – kodwa umqeqeshi wakhe uthi kufuneka azimisele ukuze afumane amanye amathuba okudlala. Nangona uLentjies engafunanga ukuzibethela igubu emva komdlalo – kodwa utshilo ukuba indlela adlale ngayo uMatrose ayimothusanga konke konke.

“UMatrose (Azola) usiphakamise kwa phakathi eveki isandla sakhe ejimini. Besisoloko siyibeke esweni indlela adlala ngayo enkampini xa sidibene nabadlali abadlala kwiDiski Challenge. Ayindothusanga indlela adlale ngayo ngoba yindlela adlala ngayo naxa sisejimini,” utshilo uLentjies emva komdlalo. Phambi kokuthathwa yiChippa United, uMatrose ebekade engumdlali weqela ekuthiwa yiReal Madrid phantsi kwesandla sikaMnu. Siphiwo Gongqa. UMatrose kulindeleke acangcathe ekhondweni labadlali baseGqeberha abazenzele igama elihle ebholeni abaquka uDaine Klate noRonwen Williams oyinkokeli yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Ufake igowuli lakhe lokuqala emdlalweni weDStv ophele ingu’1-1 obuphakathi kweChippa United neSuperSport United ngorhatywa ngoLwesibini wale veki.