Amagqabantshintshi ezemidlalo

Emva kokuphulukana nomnye umdlalo, * -Owen Da Gama, ukhwele ezehlela kubadlali bakhe.

IHighlands Park iphume emdlalweni isophisa emva kokubethwa yiSuperSport United ngo ‘2-0 eMakhulong Stadium.

Oku kwenzeke emva kwemidlalo eliqela iHighlands ingasabetha ebaleni layo. Emva komdlalo, uDa Gama ufanise iimpazamo ezenziwe ngabadlali nezabantwana besikolo abancinane.

“Kusoloko kubanje xa sisiya emdlalweni singakhathali. Kukho abadlali abacinga kancinci xa besiya emidlalweni. Ubetha iChiefs, iArrows emva koko ucinge ukuba yonke into iza kuzenzekela. Wonke umntu uye esazi ukuba kufuneka singaphisi ngeebhola futhi angashiywa yedwa uBradley Gobler. Asiyenzanga yonke lo nto,” utshilo uDa Gama emva komdlalo. Nangona kunjalo, iHighlands isenalo ithuba lokubethelela indawo yayo kwiTop 8 ukuba iqhuba kakuhle emidlalweni eshiyekileyo. Iza kuqubisana neSundowns emdlalweni weNedbank.Cup ngoMgqibelo.