Amajita abuye negolide kwakhona

UThabo Senong ongumqeqeshi waMajita ethetha nabadlali umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi waMajita, uThabo Senong, ukuvuyele kakhulu ukuphumelela kweqela lesizwe. Amajita athweswe isithsaba sobuntshatsheli emva kokubetha iLesotho ngo’2-1 kumdlalo we-2017 Cosafa Under-20 Championships, eZambia, kwiveki ephelileyo.

Kule tumente, iqela likaSenong lenze inkqubela ebonakalayo futhi encomekayo. Uyiphumelele yonke imidlalo ayidlalileyo kule tumente uMzantsi Afrika.

Oorhasatsha babadlali abathe banceda aMajita ngamagowuli kumdlalo wokugqibela nguLyle Foster odlalela i-Orlando Pirates noKamogelo Sambo odlalela iMamelodi Sundowns.

Impumelelo yaMajita zindaba ezimnandi kwiSafa emva kokuphoxwa yiBafana Bafana engakwazanga ukuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ekulindeleke ibeseRussia kwinyanga yeSilimela ngo-2018.

Inkampu yoMzantsi Afrika iphazanyiswe ziindaba ezimbi zokusweleka kukamama kaHelman Mkhalele – osebenza njengesekela likaSenong, oye wanyanzeleka ukuba asukele ekhaya.

USenong uzamkele iziphumo kunye nendebe eze nabadlali bakhe – kodwa uyibethelele into ethi impumelelo bayizuze ngenxa yentsebenziswano yabo bonke abantu.

“Siye emdlalweni sinesicwangciso kwaye besingekho phantsi koxinizelelo. Kuyo yonke imidlalo yethu, siyinike ingqwalasela eyifaneleyo. Ndinebhongo ngomsebenzi esiwenzileyo siliqela ebaleni,” utshilo uSenong.

“Ndibaqhwabela izandla oogxa bam endisebenza nabo. Lo msebenzi siwenze sonke. Kule tumente besizokufunda sisonke singabaqeqeshi nabadlali. Sigoduka sifumbathe ulwazi oluninzi esizimisele ukulisebenzisa kwimidlalo yethu ezayo,” utshilo uSenong.

Lo mqeqeshi unethemba lokuba amaqela adlala kwiPSL ayakuthi anike abadlali bakhe amathuba okudlala emva kokwenza umsebenzi oncomekayo eZambia.

“Baza kuwafumana amathuba okudlala abadlali bethu kumaqela wabo – injongo yethu kukuba kwenzeke lo nto kakade kwaye yenzekile lo nto. Ikamva labo liqaqambile,” uvale ngalo mazwi umqeqeshi.