Amathol’amnyama afumene amanqaku apheleleyo

Emva kokusokola imidlalo eliqela ungafumani manqaku apheleleyo uMthatha Bucks, namhlanje emalanga izinto zijikile ngethuba ubetha iMbombela United ngo’2-1 kumdlalo weNational First Division, eMthatha Stadium. 

Eli qela laseMthatha libuye lintywizisa emva kokubethwa kumdlalo obuseKapa kwiveki ephelileyo – kodwa lo nto ilungisiwe kweli tyeli ngamakhwenkwe kaVelile Dyaloyi. Igowuli elifakwe nguMncube, lincede iiBucks, zankqenkqeza phambili ngalo ukuya kwixesha lokuphumla. Kwisigaba sesibini Amathol’amnyama athathe apho ayeke khona ngokuthi afake igowuli lesibini. 
Yona iMbombela United ifumene igowuli layo kwisigaba sesibini – ngelishwa layo ayikwazanga ukufumana elekulinganisa nelempumelelo. Le mpumelelo ithathe uMthatha Bucks yawusoneza kumaqela amane aphambili kwiNFD.