Amatsatsantsa agxeshe kakubi Amakhosi azikhoth’amanxeba

URicardo Goss ngunozinti othembekileyo weSupersport United during the DStv Premiership. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Idabi lendawo yesibini kwiDStv Premiership liza kuthatha olunye unyawo kule veki xa kudibana Amatsatsantsa neKaizer Chiefs emdlalweni ekulindeleke ube nomtsalane eRoyal Bafokeng Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Omabini amaqela alwela ukufumana indawo yesibini xa kuphela isizini kule nyanga nangona umqobo phambi kwawo iyi’Orlando Pirates ehleli kwindawo yesibini. Injongo yawo kukubuyela kwimidlalo yeCAF Champions League ayigqibele kudala. Unozinti weSuperSport United, uRicardo Goss, uthi Amakhosi aza kubo ezikhotha amanxeba kwaye aza kube efuna impumelelo.

Umdlalo wokuqala waphunyelelwa yiChiefs eyabetha iSuperSport phantsi kukaGavin Hunt obekhe waseNaturena kwisizini egqithileyo. Umdlalo uza kuba nzima ngoba amaqela omabini ayayazi into ayifumanayo,” utshilo uGoss ethatha neentatheli. Amakhosi ahleli kwindawo yesine emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership egqithileyo. Kanti yona iSuperSport ihleli kwindawo yesithathu, ishiywa ngamanqaku amabini qha yiPirates ebhokileyo kwezi ntsuku. “Ukuba siya emdlalweni ngokuzimisela, sinalo ithuba lokuphumelela. Siza kuzama ukuyenza lo nto ngoba umdlalo ngowethu futhi yasibetha iChiefs.

“Njengokuba ikhutshwe kwiNedbank Cup, iza kuzama ukulwela indawo engayinika ithuba lokudlala iCAF Confederation Cup. Kanti nathi sifuna into efanayo neChiefs. Emva kokungaqhubi kakuhle kwisizini egqithileyo, uGoss ucinga ukuba iSuperSport yenze umsebenzi omhle kakhulu kule sizini esongwayo. “Iqela lethu linethuba lingaqhubi ngendlela eliqhele ukwenza ngayo. Le sizini asiyiqalanga kakuhle – kodwa siye salwa ngoku sinethuba lokudlala kwiCAF Champions League nakwiCAF Confederation Cup. Sifumana iziphumo ezihle emidlalweni ngenxa yenzebenziswano entle phakathi kwabadlali,” utshilo unozinti weSuperSport United phambi komdlalo omkhulu.