AmaZulu aphuncuke ethiwe nkamfu ngobhongwane siStellenbosch

UBenni Mc Carthy, uVasili Manousakis noMoneeb Josephs bevuyela AmaZulu emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium kutshanje. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

AmaZulu abulela inqaku elinye alizuzileyo izolo emva kokuba ebambene neStellenbosch ngo’2-2 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDanie Craven Stadium. Omabini amaqela aye emdlalweni ekulungele ukulwela amanqaku amathathu ukuze aphucule iindawo akuzo kwiDSv Premiership yesizini eqhubekayo. Ekuqaleni komdlalo, AmaZulu ebenamandla kakhulu ngoba iStellenbosch sikhethe ukuvala emva kuba singafuni ukuba kufakwe igowuli kuso kwangoko emdlalweni.

Lo nto ilivimbe ithuba lofaka amagowuli iqela likaSteve Barker obefuna lisondele kwiMamelodi Sundowns ehleli kwindawo yokuqala. Iifolosi zoSuthu ezimbini, uLehlohonolo Mojoro no-Augutine Mulenga, zisipheke zisophula iStellenbosch zikhangela igowuli ebelinokukhokelela kwimpumelelo – kodwa nangona bekunjalo, isiqingatha sokuqala siphele kungekho qela elikwazileyo ukubhakuzelisa umnatha.

Amaqela aqhubele phambili nokukhangela igowuli lempumelelo kwisigaba sesibini somdlalo. Izinto zijike emzuzwini wamashumi amathandathu ngethuba uStanley Dimgba efaka igowuli lokuqala elibeke iStellenbosch endaweni entle. Khange kube kudala, uAshely Du Preez udlalele ibhola entle uMendieta ofake igowuli lesibini leStellenbosch. Emva kweshumi elinesihlanu lemizuzu, AmaZulu afake igowuli lawo lokuqala emdlalweni. USphesihle Maduna ufake ibhola uSage Stephens ayive ikhala emnatheni.

Kuthe sekuncamekile, kucaca ukuba iqela likaBarker liza kuwuphumelela umdlalo, uKeagan Buchanan, ongene endaweni kaMulenga, ukhulule AmaZulu ngegowuli ebanjwe ngobhongwane siStellenbosch esingekabethwa kwisizini eqhubekayo. Emva kweshumi elinanye lemidlalo, iStellenbosch sinamashumi amabini ananye amanqaku kwindawo yesibini. Wona AmaZulu ahleli kwindawo yesibhozo emva kokuqokelela ishumi elinesihlanu lamanqaku emidlalweni elishumi elinanye.

Stellenbosch: Stephens, Kwinika, Robertson, Van Rooyen, Van Heerden, Mthethwa, Jabaar, Sinkala, Dimgba, Du Preez, Mendieta.

Amalalela: Bombay, Adams, Titus, Khunyedi, Letsoenyo, De Goede, Isaacs, Msengi, Moseamedi.

AmaZulu: Mothwa, Gumede, Sikhakhane, Xoki, Malepe, Qalinge, Makhaula, Mlambo, Sithebe, Majoro, Mulenga.

Amalalela: Boshoff, Ekstein, Maduna, Masilela, Ntuli, Buchanan, Khumalo, Mgwazela, De Jong.