Kuthe qabu kwiTS Galaxy emva kokubetha iSwallows esokolayo

UKamohelo Mahlatsi weSwallows Football Club no-Igor Makitan weTS Galaxy FC emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: Dirk Kotze/BackpagePix

Emva kokusokola ixesha elide kwisizini eqhubekayo, kuthe qabu kubalandeli beTS Galaxy ngale njikalanga emva kokuba intywilisele iSwallows FC ngegowuli elinye (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium. Umdlalo utake iintlantsi zisuka kwaye bekucaca ukuba kudibene amaqela alambele amanqaku apheleleyo nafuna ukusuka emsileni. IiNyoni zaseDube ziqale zankqonkqoza ngebhola ehambe phezu kweepali ebikhatywe nguLebohang Mokoena. Khange kube kudala, iTS Galaxy ibhalise ebhodini ngegowuli elihle elifakwe nguSphiwe Mahlangu emzuzwini wesihlanu. Emva kokuhlaselana macala omabini, amaqela aye ekhefini iTS Galaxy inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni.

Isiqingatha sesibini siqale kakuhle naso ngoba amaqela athathe apho ayeke khona kwisiqingatha sokuqala. UMxolisi Macuphu ufumene isidudla sethuba emva kokunikelwa ibhola entle esebhokisini – kodwa ngelishwa lakhe, ibhola yakhe ibhabhe phezulu. Abadlali abafana noMokoena, uMusa Nyatama noMonnapule Saleng balwile kakhulu esiswini – kodwa eyona nto eye yabanzimela abadlali beSwallows kukufaka ibhola emnatheni. Kubekho umahluko obonakalayo emva kokungena kwabadlali abafana noKeletso Makgalwa noKhethukuthula Ndlovu – kodwa imizamo yabo ayizelanga mathokazi ngoba abadlali beTS Galaxy bebevale mba emva.

Impumelelo yanamhlanje iyisusile endaweni embi kakhulu iTS Galaxy noxa ingekaphumi nje emalahleni ashushu. Emidlalweni emithathu phantsi kukaSead Ramovic, iTS Galaxy iphumelele imidlalo emibini. Lo nto ibanika ithemba lokusinda kweqela labo abantu baseMpumalanga. Ukutyhalelwa kweSwallows kwindawo yeshumi elinesihlanu yingxaki kuBrandon Trutter okungenzeka anikwe uphum’aphele ngabaphathi beSwallows abenexhala lokuthotyiselwa kweqela labo ekupheleni kwesizini. Emsileni weDStv Premiership kuhleli iMarumo Gallants efumene impumelelo yayo yokuqala yesizini izolo.

TS Galaxy: Kolak, Makitan, Sanoka, Seedat, Munyai, Nduli, Aubaas, Mahlngu, Nyama, Macuphu, Mngomezulu.

Amalalela: Huegh, Mbunjana, Mahlangu, Mogalia, Bodibe, Phohlongo, Filipetto, Ndwandwe, Brooks.

Swallows: February, Khupe, Sait, Mohamme, Sasman, Nyatama, Matlou, Mokoena, Solomons, Saleng, Gamildien.

Amalalela: Thela, Sibiya, Basadien, Mbokoma, Ndlovu, Ntshumayelo, Nene, Makgalwa, Mahlatsi.