Asikafiki kula ndawo – utsho uMalesela

Emva kwesithuba esingangenyanga iChippa United ilungiselela isizini entsha, umqeqeshi wayo uDan Malesela uthi iqela lakhe alikafiki kulandawo ayifunayo. Lo mqeqeshi ukuthethe oku emva komdlalo wokucweya obuphakathi kweChippa United naMaZulu eMoses Mabhida Stadium ngoLwesithathu. IChippa United iwuphumelele lo mdlalo ngamagowuli amabini kwelinye [2-1]. “Asikafiki kumgangatho wethu. Kuninzi kakhulu okufuneka sikwenzile, kufuneka sifunde kwiimpazamo esizenzayo. Sikumyinge wamashumi asixhenxe[70% ekhulwini [100%] xa sithetha ngamalungiselelo wethu,” utshilo uMalesela kwikhasi lomnatha leChippa.

Amalungiselelo weli qela laseMpuma Koloni aqale kwinkampu yalo eseBhayi kwinyanga ephelileyo. Ngoku kufuneka lilungise ukuhlala ngoba akusentsuku zatywala ivulwe isizini entsha yePSL. “Sichithe iiveki ezimbini eBhayi ngoba bendingafuni ukuhamba nabadlali abangabhaliswanga liqela. Ndikonwabele ukusebenza nabadlali beChippa United kuphela. Zininzi izinto esithe sagxila kuzo kwisigaba sethu sesibini samalungiselelo,” utsho uMalesela.

Njengokuba lo mqeqeshi eneenjongo eziphakamileyo ngeChippa United kule sizini izayo, ubone kubalulekile ukuyibethelela lo nto ezingqondweni zabadlali bakhe enkampini phambi kokuvulwa kwayo.

“Ndithethe nabadlali ngezinto esizinqwenelayo. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba umdlali ngamnye uyakwazi okulindelekileyo kuye. Asinakuqhayisa ngeziphumo nendlela elidlala ngayo iqela phambi kwesizini ngoba kuyenzeka izinto zingafani naxa sekudlalwa imidlalo yePSL – kodwa ndanelisekile ziinkcukacha ezithile esizifumeneyo kumalungiselelo wethu,” utsho uMalesela.