UMzantsi Afrika ulwe kwade kwasekugqibeleni

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika, iSA Under-23, lilwe kwamdak’iisali ngethuba lidlala ngokulingana ngo’0-0 neBrazil kumdlalo wokuqala kwi-2016 Olympics e-Estadio Nacional Mane Garrincha namhlanje ebusuku.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu, omabini amaqela abonakalise ukuzithemba nokunxanelwa impumelelo.

NguMzantsi Afrika kodwa onkqonkqoze kuqala emva kwebhola entle esuke kuKeagan Dolly ekunxele isiya kuMothiba othintwelwe ngumozinti weBrazil kwimizuzu yokuqala yomdlalo.

Amaglug-glug adlale umdlalo ophucukileyo kakhulu kwisigaba sokuqala. Emva uMathoho noCoetzee bakwazile ukuqhawula iibhola eziyingozi zeBrazil.

Umdlali weBrazil owaziwayo, uNeymar, uzamile ukuvavanva ubukrelekrele namandla ka-Itumeleng Khune izihlandlo eziliqela kwesokuqala – kodwa ukhe phantsi isitya sigcwele. UKhune ebethe qwa futhi kubonakala ukuba akafuni ichole naphantsi iBrazil. Isiqingatha sokuqala siphele kungokho qela libhalisileyo ebhodini.

Uthathe apho uyeke khona uMzantsi Afrika kwisigaba sesibini ukhokelwa nguDolly obenomdlalo omhle kakhulu ekunxele. Uphazanyiswa likhadi elibomvu elinikwe Mothobi Mvala onyathele umdlali weBrazil.

Lo nto inike ithuba iBrazil lokuwulawula umdlalo ngokupheleleyo. UKhune uye wazicacisa ngokwenene ukuba ubizwe ngokuthenjwa. Unqande amanzi engen’endlini izihlandlo eziliqela.

Amakhwenkwe ka-Owen Da Gama akwazile ukuxhathisa kwade kwase kugqibeleni.

Bekubonakala ukuba abadlali baseBrazil iyabaphazamisa into yokungakwazi kwabo ukugqobhoza udonga loMzantsi Afrika.

Abalandeli abebezalise ibala babaxwaxwile abadlali beBrazil xa kuphela umdlalo ngoba bebethemba lokuba iyakudlala umdlalo ongcono, ngakumbi, kukho nomdlali onje ngoNeymar enkundleni yabo.

Brazil: Weverton, Zeca, Ciao, Santos, Marquinhos, Maia, Augusto, Anderson, Neymar, Gabigol, Gabriel Jesus

South Africa: Khune, Mekoa, Mobara, Coetzee, Mathoho, Mvala, Motupa, Dolly, Modiba, Masuku, Mothiba