Iphumelele kwi Wadi zabagqatswa abangasekhoyo iANC

Ukuphumelela kweANC kwii Wadi ezintathu
sebengasekho abo bebengabagqatswa kubonakalisa ifuthe lombutho eluntwini. Oku kuthethwe
ngusihlalo weANC eMpuma Koloni uPumulo Masualle. 

Isibini saba bagqatswa
sabhubha kwingozi yemoto, nglixa uNceba Dywili edutyulwe wasweleka eBhayi
kwiveki ephelileyo. UMasualle uthe, “Siyawabulela lamaqabane ngegalelo athe
analo embuthweni, sibulela noluntu olunike iANC inkxaso egameni lalamaqabane angasekhoyo.” 

Uqhube wathi, nangona lombutho uzamkela iziphumo zonyulo, kukho ukukhathazeka
xa uphulukana noomasipala okanye iiWadi ezithile, kuba unomnqweno wokuhlala
ilikhaya labantu.