Azikhotha amanxeba Amabhakaniya avuthululwe yiSuperSport United emdlalweni obuseMbombela Stadium

Musa Nyatama of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2019/20 football matchbetween Supersport United and Orlando Pirates at Mbombela Stadium,Nelspruit on 14 August 2019 /BackpagePix

Azikhotha
amanxeba Amabhakaniya avuthululwe ngemvula yamagowuli amathathu (3-0) yiSuperSport
United ebivuk’inj’ ebomvu emdlalweni we-Absa Premiership obuseMbembela Stadium
namhlanje ebusuku. Inokuqalekisa i-Orlando Pirates ukudlala neSuperSport
kwibala laseMpumalanga ngoba ngaphambili yayikhe yavuthululwa ngo’6-1 kwatsho
kwahamba uMuhsin Ertugral owengumqeqeshi ngoko. UMilutin Sredojevic uqale
umdlalo ngoJuctice Chabalala, uFortune Makaringe noGabadinho Mhango abadlale
kakuhle emdlalweni wokuqala wePSL. Amaqela khange acengane emdlalweni zisuka.
UMakaringe uzamile ukufaka igowuli ngentloko – kodwa ubhola yakhe ibanjwe
nguRonwen Williams lula. UBradley Gobler ubhakuzelise umnatha emva kwempazamo
eyenziwe nguThabiso Monyane onikele uWayne Sandilands ibhola wayibhutyuza.

Kuye kwanyanzeleka
uSredojevic enze iinguqu kwisigaba sesibini somdlalo. Ufake uThembinkosi Lorch
noJustin Shonga. Khange yenze mahluko lo nto ngoba uGobler ufake igowuli
lesibini emva kweempazama ezenziwe ngabadlali bePirates kwindawo embi.
UGhampani Lungu ufake igowuli lesithathu leSuperSport kwaphela ngayo iPirates
ebizingela impumelelo yayo yesibini kwisizini yePSL entsha. Ukungena kwabadlali
abanjengoLorch akuyincedanga iPirates ngoba Amatsatsantsa enze yonke into
kakuhle emva. Impumelelo yanamhlanje imncumisile kakhulu uKaitano Tembo emva
kokuba iqela lakhe libethwe yiMamelodi Sundowns emdlalweni wokuvula isizini. Amabhakabhaka
aphose ithuba lokubuyela encochoyini ngokubethwa kwawo emdlalweni wanaamhlanje.

  

SuperSport: Williams,
Nhlapo, Kekana, Daniels, Bhasera , Furman, Mokoena, Mbule, Mahachi, Rusike, Grobler.

Amalalela:  Pule,
Fleurs, Webber, Khumalo, Gabuza, Mnyamane, Lungu .

Pirates: Sandilands,
Jele, Ndengane, Chabalala, Maela, Motshwari, Nyatama, Monyane, Makaringe,
Mhango, Mulenga.

Amalalela: Mpontshane,
Mbekile, Dlamini, Memela, Ndlovu, Lorch, Shonga.