Baphume bebokoboko enkundleni abachase uMandla Ntlanganiso

UMandla Ntlanganiso ngumlawuli obambeleyo weBoxing South Africa.

Abathelekisi abamchasileyo uMandla Ntlanganiso baphume bevuza igazi enkundleni kule veki emva kwesigqibo esithathwe yinkundla. Umbutho wabathelekisi, iNational Professional Boxing Promoters, wabhenela enkundleni ngelizama ukushenxisa uNtlanganiso oyintloko yeBoxing South Africa.

Wakwenza oko emva kokuba uMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, wachonga uNtlanganiso esebenzisa amagunya wakhe njengentloko yesebe lezemidlalo. Yakhatywa lo nto ngumbutho wabathelekisi ngelithi inyathelo lakhe (uKodwa) alikho semthethweni futhi isigqibo wasithatha yedwa engabathintanga abantu abakwicandelo lamanqindi.

Ngelishwa labo abathelekisi, isicelo sabo siye sachazwa njengento engenaso isihlahla ngokwasemthethweni futhi sakhatywa ngawo omane yinkundla. Okunye obekufunwa ngabathelekisi kukuba yonke imilo yeetumente ezibanjwe emva komhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo zithathwe njengezingekho semthethweni.

Naleyo into abakwazanga ukuyifumana eNkundleni ePhakamileyo yasePitoli. Umgwebi omkhulu, uNelisiwe Mali, uthe abathelekisi bamanqindi mababhatale neendleko zenkundla namagqetha abethethelela isebe leZemidlalo.

Eyona nto eyaxhokonxa abathelekisi kakhulu kukuchongwa kwesigqeba esitsha seBoxing South Africa (BSA) nguMphathiswa uZizi Kodwa. Bathi nalapho zange banikwe ithuba lokuthatha inxaxheba nguMphathiswa. Kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa uye wasichitha isigqeba awasichonga ekupheleni kuka2023 kuba ezama ukuhlangabezana nesimbonono sabo.

Okubalulekileyo kumcimbi wesigqeba kukuba omabini amacala avumelana ukuba makazame ukubuyela kwisithebe seengxoxo kuzanywe isisombululo ngaphandle kwenkundla. Okwangoku, iingxoxo azikwazanga ukukhupha isisombululo.

UMphathiswa usamkele ngovuyo isigqibo esithathwe yinkundla kwiintsuku ezigqithileyo watsho evakalisa ithemba analo lokufumana indlela eya phambili emanqindini. “Isigqibo senkundla sisinika ithuba elihle lokubuyisela uzinzo emdlalweni wamanqindi. Iimbethimanqindi nabathelekisi sebelahlekelwe lixesha lokulwa nelokuququzelela imilo.

Makhe sibeke iingqondo zethu emanqindini, sithethe futhi siwakhe umdlalo wamanqindi ube semgangathweni ophezulu eMzantsi Afrika, utshilo uKodwa osenomsebenzi wokumilisela isigqeba esitsha esiza kulawula iBoxing South Africa.