Baphululene iinduma babeka phantsi izixhobo okomzuzwana ooNoteksi!

UMnu. Xolile Nqatha nguMphathiswa weZothutho noKhuselo kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Bachebene iinduma emva koko baxolelana okomzuzwana oonoteksi abalwayo. Oku kwenzeke entlanganisweni ebiququzelelwe lisebe lezothutho ebelikhokelwe nguMphathiswa, uXolile Nqatha, eMonti, emini izolo.

Umlo obuphakathi kwemibutho emibini kwidolophi yaseSajonisi ekuqaleni kwalo nyaka ushiye kubhubhe amadoda amathathu konzakala abantu abahlanu. Ziiteksi ezintathu ezatshiswa zangqongqa kolo dushe. Imibutho ebibangisana ngeendawo zokusebenza yiBorder Alliance noNcedo.

Ukusukela ngoko, iinkokeli zemibutho zizamile ukuhlala kwisithebe seengxoxo zincediswa nguMphathiswa wezothutho kwiphondo leMpuma Koloni.

Entlanganisweni ebibanjelwe kwiholo lase’International Convention Centre ebeligcwele limi ngeembambo, iinkokeli zemibutho engaboni ngasonye, zityikitye isivumelwano soxolo futhi zazibophelela ukuba akusobe kubekho kuphalala kwegazi kwakhona.

Indibano ebekumele ukuba ithathe ixesha elifutshane itsale iiyure ngenxa yeBorder Alliance ebifuna kulungiswe izinto ezithile phambi kokuzibophelela.

Iinkokheli eziphuma kwimibutho yoonoteksi eMpuma Koloni iBorder, noNcedo belungiselela ukutyikitya isivumelwano soxolo eICC eMonti ngoLwesithathu. Umfanekiso: Abongile Ginya

Emva kweengxoxo ebezinzima, uMphathiswa ulamkele ngovuyo inyathelo elithathwe ngamacala omabini oonoteksi abalwayo. “Sivumelene ngelithi makubekwe phantsi izixhobo. Zonke izinto eziyingxaki ziza kusonjululwa kwiintlanganiso eziza kubanjwa kwiveki ezayo.

“Siyazi ukuba inzolo kwicandelo loshishino loonoteksi ineentshaba ngoba kukho abantu abazuzayo xa besilwa. Kusenokwenzeka naba bakwicala lezokhuselo ukuba banesandla. Sivumelene nabo oonoteksi ngelithi makubekho uxolo ephondweni lethu,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

Ebuzwa ukuba uqinisekile na ukuba akusobe kubekho omnye umlo, uMphathiswa akakwazanga ukuyiqinisekisa leyo indawo ngoba bekuqhawuka kuhlangana entlanganisweni yayizolo.

“Ewe, bazibophelele oonoteksi – kodwa andingeke ndiqiniseke ngokupheleleyo. Kodwa andiwuthathi kancinci konke konke umsebenzi omhle owenziwe ziinkokeli zemibutho yomibini. Ndibulela indima eyenziwe nguMnu. Geyila noMnu. Hintsa ekuhlanganiseni imihlambi eyalanayo kwishishini lonooteksi ephondweni lonke,” uvale ngaloo mazwi uMphathiswa uNqatha.

Inkokheli yeBorder Alliance eMpuma Koloni uSongezo Mpanda uthi ezi zixholoxholo ziqale kummandla waseMthatha nezibangele ukuba bazo kutyikitya esi sivumelwano ngenxa yokungavisisani kwamalungu eBorder engaboni ngasonye nawakwaNcedo kude kubekho nabantu ababhubhayo.

“Sinaso ke isivumelwano esasenzayo ekubeni kungafi mntu. Ngenxa katat’ uGeyile notat’ uHintsa abangazifuniyo ezi zixholoxholo side sabe silapha ke. Sinethemba kwaye sithethile namalungu ethu macala ekubeni izixhobo mazibekwe phantsi kungafi mntu sityikityele lonto ke. Esikufunayo kukuba kusetyenziswane apha, sikwishishini hayi kwimfazwe,” utshilo uMpanda.

Inkokheli kaNcedo uFuzile Mtshengele uthe: “Siyazibophelela ngoxolo into yokuba akukho mntu unokuphinda alimale. Sithethile nabantu esicinga ukuba baza kusebenzisana nathi bangaphinde bonzakalisane. IBATA, uNcedo naye ephelele wonke ePhondweni, singathetheli uMthatha qha sithethela lonke iMpuma Koloni sisithi makubekho uxolo ndicinga ukuba apha sityikityele lonto kwaye wonke umntu uvile kuba akukho mntu obengekho obekufanele ukuba ukhona.”

Inkokheli yeSANTACO uZola Bishop Yolelo naye ethetha noonondaba uthe: “Siqinisekile kwaye sinethemba elikhulu lokuba yonke le mibutho ichaphazelekayo zikule nto ziyityikityeleyo kuba khange kube lula ukuzokufika apha kodwa ngenxa kaRhulumente othe wama ngeenyawo, uMphathiswa uNqatha kwaneNkulubaphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane besoloko bephakathi kwethu ukusombulula le ngxaki lonto inike ithemba kuSANTACO kuba ngenene nangenyaniso iza kuba nemivuzo.”