URulani Mokwena ulindele umdlalo onzima eTunisia

Iqhubela phambili imidlalo yeCAF Champions League ngempelaveki. Phakathi kwamaqela aza kuthatha inxaxheba kuyo yiMamelodi Sundowns eza kudibana neqela elilushica ekuthiwa yiEsperance emdlalweni wokuqa weCAF Champions League oza kube useHammadi Agrebi Stadium ngentsimbi yethoba ebusuku ngoMgqibelo. Amasandawana angene kwisigaba samanqam eChampions League emva kokubetha iYoung Africans SC yaseTanzania kwiipenela emdlalweni obusePitoli ekuqaleni kwale nyanga.

Ekuqaleni kwale veki, iSundowns idlale ntanganye ngamagowuli amabini neMoroka Swallows emdlalweni weDStv Premiership. Noxa ibingumdlalo owahlukileyo kwindawo ekuyo ngoku iSundowns – kodwa ubancedile abadlali ngoba bantingele emantla we’Afrika bekulungele ukulwela eyona ndebe ebalulekileyo. Umahluko wokuqala eza kudibana nawo iSundowns xa idlala eTunisia libala eligcwele abalandeli bebhola abaculela iqela labo. Yinto engafane leyo yokugcwala kwebala eMzantsi Afrika. Kodwa nakubeni kukho kunjalo, amava abawaqokeleleyo abadlali eminyakeni egqithileyo aza kubanceda.

Phambi kokuhamba kokuntingela eTunisia, uRulani Mokwena uyibeke yacaca into ethi abalindelanga ukwamkelwa ngobubele xa bedibana nayo iEsperance ngabalandeli bayo. “Ndilindele imeko esingazukuyithanda phaya. Siza kudibana neqela elidlala kakuhle kakhulu. Ngempelaveki egqithileyo, ibambene ngegowuli elinye neMonastir emdlalweni weTunisian League. Ndikhe ndayibukela kancinci nogxa wam uDayle Solomons – kodwa ngelishwa kufuneka ndijonge okwenzeke emdlalweni wethu neSwallows kuqala.

UTeboho Mokoena, ofake igowuli elihle kwiSwallows ekuqaleni kweveki, ubonakele engumntu ova kabuhlungu. Kodwa kuye kwavakala ukuba ingxaki ibingekho nkulu kuye. “Yinto nje encinci leya abekhala ngayo uMokoena. Ndiyazingca ngaye ngoba ufake igowuli elihle kakhulu. Ndisoloko ndisitsho ebadlalini ukuba mabathethe nokuba beva into encinci ebuhlungu,”utshilo umqeqeshi. Njengokuba uMokwena ejongene neqela eliyingozi kowalo, kulindeleke abeke ithemba lakhe kubadlali abafana noLucas Ribeiro, uMarcello Allende, uMokoena noRonwen Williams owenze indiba ebalulekileyo kakhulu emidlalweni egqithileyo.