Obezenza umntu othengisa izindlu neemoto ugwetywe iminyaka eyi-22

Owasetyhini oneminyaka engamashumi amathandathu (60) ubudala ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesibini (22) entolongweni yinkundla yolwaphulo-mthetho olukhethekileyo eBellville ngezityholo zobuqhophololo.

NgoMatshi, uVirginia Dawn Wilscot wafunyanwa enetyala lobuqhophololo, ubuqhetseba, ubusela kunye nokuvelisa amaxwebhu omgunyathi ngeenjongo zorhwaphiliza.

Ngokutsho kweeHawks, uWilscot wayezenza umntu othenga izindlu kunye neemoto ezithengiswa kwifandesi.

IiHawks zithi wenza amaxwebhu omgunyathi ezindlu neemoto ebekufanele ukuba zikwifandesi, kwaye wawasa la maxwebhu kumaxhoba wenza ngathi ezi zindlu kunye neemoto ziyathengiswa.

Imali engaphaya kwezigidi ezithathu zeerandi (R3 million) ihlawulwe kwiakhawunti yebhanki kaWilscot ngeenkonzo ezingakhange zenziwe.

Isithethi seeHawks eNtshona Koloni, uZinzi Hani, uthi la matyala enziwe phakathi konyaka ka2012 no2017.

“Lo mba uxelwe kwiqela leeHawks eBellville eliphanda ngolwaphulo-mthetho olunobuzaza borhwebo ukuze liphandwe. UWilscot uye wafunyanwa enamatyala obuqhophololo angamashumi amabini (20), elinye lobusela kunye namatyala asibhozo obuqhetseba kunye nokuvelisa amaxwebhu omgunyathi ngeenjongo zorhwaphiliza. Ubelibanjwa elilindele ukuxoxa ityala ukusukela ngoSeptemba ka2017.”