Iyangcwatywa inkosikazi yaseDutywa ebhaqwe eGqeberha itshisiwe!

Umzimba kaZimkhitha Nodu Sakhela (28) obhaqwe ekwimeko embi etshisiwe kwaye eseBooysen Park eGqberha. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UZimkhitha Nodu Sakhela (28) waseGood Hope eNgxakaxha eDutywa, waphuma phandle esabela ifowuni yakhe kanti kukugqityeliswa kwakhe ukubonwa ephila lusapho lwakhe.

Ingxelo ithi, uSakhela ufunyenwe sele ebhubhile kwaye etshisiwe kummandla waseBooysen Park eGqeberha.

Usapho lungqinile ukuba umzimba oye wafunyanwa eBooysen Park nobusele ukwimeko embi ngowakhe.

Lo mzimba ngoLwesibini kule iveki uye wasiwa kwikhaya lakhe elikwaseBooysen Park nalapho uye wamkelwa ngokuthi kwenziwe ekufanele kwenziwe xa ufika umzimba ekhayeni.

Ingxelo ithi emva koko uye waphindiselwa kumzi wabangcwabi kwaseGqeberha.

NgoLwesithathu kwakule veki, lo mzimba ugodusiwe wasiwa eDutywa apho aza kufihlwa khona ngoLwesine.

Ngokwengxelo ephuma kothethe nosapho uPetros Majola wombutho ojongene nokulwela amalungelo abantwana kwakunye namanina, iKhula Community Project eMpuma Koloni uthi, inkonzo yezithethi iza kubanjwa ngeCawa eDutywa umzimba wona uqhushekwe ngoLwesine.