Kutyalwe iR4-billion nguVW kwiziko eliseKariega!

Usodolophi waseNelson Mandela Bay uGary van Niekerk, Andreas Peschke kaVW, uMphathiswa weZorhwebo uEbrahim Patel, Martina Biene weVWA, iNkulumbuso uLubabalo Mabuyane noUlrich Schwabe kaVW.

Inkampani ephambili kwicala lokwakha iimoto, iVolkswagen Group Africa (VWA), ibhengeze ukuba iza kutyala imali eziibhiliyoni zeerandi ezine (R4-billion) kwiziko layo eliseKariega eyayifudula iyiTinarha ngaphambili.

Esi sibhengezo senziwe nguVWA emsithweni obuzinyaswe zizitatanyiswa eziquka iNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uMnu. uLubabalo Oscar Mabuyane. Utyalomali olwenziwa yile nkampani yaseJamani lulandela emva kolunye olwenziwe ziinkampani zeemoto ezimbini eziquka uMercedes-Benz ozinze eMonti.

Imali ebhengeziweyo kuthiwe iza kwandisa iziko likaVW akhiqizela kulo iimoto ezithengiswa eMzantsi Afrika nakwihlabathi lonke. Enye kulindeleke ukuba yandise imveliso kaVW.

Usihlalo kaVWA, uMartina Biene, uthe ukutyala kwabo imali kuqinisekisa ukuzibophelela kwabo eMzantsi Afrika eneminyaka engaphaya kwamashumi asixhenxe uvelisa iimoto zakwaVW.

“Iziko eliseKariega libaluleke kakhulu kuVW wonke. Ukusukela ngonyaka ka2011, uVolkswagen utyale imali eqabele kwiibhiliyoni ezilishumi zeerandi (R10.28-billion) kwizixhobo zokuphucula imveliso nasekuqeqesheni abantu emsebenzini,” utshilo.

Ngokutsho kukaBiene, utyalomali olutsha luza kunceda abasebenzi abaseKariega nabanye beenkampazi ezisebenzisana noVW.

Uqinisekisile ukuba iimoto ezikudidi oluphezulu (SUV) ziza kuveliswa ndawonye nePolo nePolo Vivo. Sesikhona isicwangciso sokuxhobisa abasebenzi ngesakhono esitsha esiza kubanceda xa kusakhiwa iimoto ezintsha zodidi oluphezulu (SUV).

Njengokuba iiPolo ziphala phambili ngokuthengwa kwicandelo loshishino lweemoto, abaphathi banethemba lokuzuza impumelelo efanayo nakwimoto entsha (SUV) ezayo.

Abaphathi bakaVW banethemba lokuba uhlobo olutsha lweemoto zabo ziza kuba nomtsalane kwiindawo ezithengiswa kuzo iimoto zikaVW kwizwekazi le’Afrika.

“Njengangoku kukho iinguqu kwicandelo lweemoto, sinethemba lokuba iimoto ezintsha ezihamba ngombane ziza kuthi ziveliswe apha, kuxhomekeke kwindlela ezifunwa ngayo ngabantu abathengayo. Imveliso yethu yokuqala yeemoto zombane iza kuqala kulo nyaka apha eMzantsi Afrika naseRwanda,” utshilo uBiene okhokele uVW kwiAfrika yonke.