Kuthe qabu kwiSwallows – kodwa kusafuneka ilwile ngamandla!

UMusa Nyatama ngumqeqeshi weMoroka Swallows.

Umqeqeshi weMoroka Swallows, uMusa Nyatama, ulamkele ngovuyo inqaku elinye elifunyenwe liqela lakhe emdlalweni ogqithileyo. Emdlalweni weDStv Premiership ongundabamlonyeni, iSwallows ibambene neMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini eDobsonville Stadium. Kuyiwe kwixesha lokuphumla emdlalweni iSundowns iphala phambili – kodwa okuncomekayo kukuba abadlali beSwallows bakwazile ukulwa bade bafumana amagowuli amabini. Igowuli likaGabadinho Mhango lidale ingxokolo – kodwa uJelly Chavani unconyiwe ngokuthatha isigqibo esifanelekileyo.

URulani Mokwena ugxeke oosompempe ngokunika iSwallows amagowuli afakwe ngabadlali abalaleleyo. Nakubeni kunjalo, ithivi ibonise uMhango ofumene igowuli elifanelekileyo ngoba udlaliswe ngumdlali weSundowns. Kuthe qabu kubaqeqeshi beSwallows emva kokufumana inqaku elinye emdlalweni wale veki. Iinyoni zaseDube zizibhaqa zisilwela ukuphepha izembe nakubeni beziyiqale kakuhle isizini eqhubekayo. Ukushokoxeka kwemali okubangele akwabhatalwa abadlali ekuqaleni kwalo nyaka kudale ingxaki ngoba kuye kwamka umqeqeshi nabadlali abaphambili.

Ethetha emva komdlalo, uNyatama uvumile ukuba inqaku elinye liza kuwenza umahluko – kodwa wathi iSwallows ayikaphumi engxakini. Ukuze iSwallows ikwazi ukuqinisekisa indawo yayo kwiDStv Premiership, kufuneka iqokelele amanqaku aphaya kwishumi emidlalweni eshiyekileyo. “Inqaku liza kusinceda lona noxa sisadinga amanye amanqaku. Silindwe yimidlalo enzima. kukho iStellenbosch neSuperSport United ekunzima kakhulu ukudlala nazo. Kunzima phaya ezantsi – kodwa inqaku esilifumeneyo liza kusinceda,” utshilo uNyatama emva komdlalo.

Umqeqeshi uthe inqaku liza kuvula umsantsa phakathi kweSwallows namaqela asekugqibeleni kwiDStv Premiership afana neRichards Bay neCape Town Spurs. “Sidinga amanqaku alishumi emidlalweni emihlanu ezayo. Ndonwabile yindawo esikuyo emva kokuqokelela amanqaku amahlanu emidlalweni emithathu,” utshilo uNyatama onikwe uxanduva lokonyula iSwallows engxakini emva kokuyisindisa ezembeni kwisizini egqithileyo. Emdlalweni olandelayo, iSwallows iza kudibana neTS Galaxy ekupheleni kwale nyanga kaTshazimpuzi.