Amakhosi azimisele ukuvuka ngeRichards Bay esokolayo!

Emva kokuphumla iveki yonke, Amakhosi aza kudibana neRichards Bay emdlalweni weDStv Premiership oza kutaka iintlantsi eKing Zwelithini Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Omabini amaqela aya emdlalweni wangempelaveki enxanelwe amanqaku apheleleyo ngoba afuna ukunyukela kwiindawo ezibhetele.

Iphantsi koxinizelelo iKaizer Chiefs emva kokubethwa yiChippa United ngo’2-0 kutshanje eMonti kwaye kunyanzelekile iyiphumelele yonke imidlalo eshiyekileyo ukuze ifumane indawo ebhetele xa kusongwa isizini.

Amakhosi azibhaqa ehleli kwindawo yesibhozo kwiDStv Premiership futhi esecicini lokukhuutshwa kwiTop 8. Mnye kuphela umdlalo ophunyelelwe yiChiefs kulo nyaka phantsi kukaCavin Johnson.

Lo nto yenzeka kukho isingqala sabalandeli esibangelwa kukunqaba kweendebe kwiChiefs eyazigqibela kwiminyaka elishumi eyagqithayo. Umdlali odlala esiswini, uSiyethemba Sithebe, uvumile ukuba iziphumo ezibi zinciphisa amathuba weChiefs okufumana indawo kwiTop 8 xa kusongwa isizini.

“Kufuneka sinyuse iikawusi singabadlali ukuze sikwazi ukuphumelela imidlalo eshiyekileyo. Ukuba uyiqwalasele imidlalo egqithileyo, sikwazile ukudala amathuba – kodwa asikwazanga ukufaka ibhola emnatheni,” utshilo uSithebe okhe wafumana amathuba okudlala aliqela kwiiveki ezigqithileyo.

USithebe, 31, uthi usenalo ithemba lokuba iChiefs ingayifumana indawo kwiTop 8 futhi ibuyele nakwiCAF. “Sizimisele ukufumana indawo phakathi kwamaqela aphambili xa kuphela isizini futhi sifuna ukudlala imidlalo yeCAF kwisizini ezayo,” utshilo uSithebe.

Emva kokuzuza impumelelo kutshanje, uVusumuzi Vilakazi uxelele oonondaba ukuba eberhalela ukuba iRichards Bay idlale neChiefs emva kokubethwa kwayo yiChippa United ingekakelemi.

Njengokuba isizini ikekela, uKaizer Motaung Jnr, uvakalise ukungonwabi kwakhe yinto eyenzeka kwiChiefs – kodwa wathembisa ngelithi balungiselela isizini ezayo ekhusini. Amakhosi akhangela umqeqeshi omtsha. Sele eqinisekisile ukuba uJohnson uza kuphindela kwicandelo lophuhliso. Kodwa akukacaci ukuba ngubani oza kuqeqesha iChiefs.