Uvela enkundleni umrhanelwa obanjelwe ukuqhekeza kwanokuba

Ubanjiwe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithathu (23), noqhekeze kwindlu ekwifama engaphandle kwaseWillowmore ngeCawa, kwiveki ephelileyo.

Ingxelo ithi emva kwentsimbi yesithandathu kusasa ngeCawa, owasetyhini oneminyaka engamashumi asibhozo anesine, wothuswe kukuva ingxolo ngaphezulu kwendlu yakhe. Lo wasetyhini uthe xa esiya kuphanda unobangela wale ngxolo, wagagana nendoda engaziwayo kwigumbi lokuphekela.

Ingxelo iqhuba ithi, lo wasetyhini uye watyhalelwa phantsi, nalapho athe wafumana umonzakalo. Ukanti umrhanelwa uye wanqumla iintambo zocingo lwemfonomfono, ze wabaleka nemali engachazwanga.

Ukanti ngentsimbi yesithandathu malanga, intombi yalo wasetyhini neye yagaleleka kwikhaya layo, ithe yafumana umama wayo esalele phantsi, nanjengoko ebetyhalwe ngumrhanelwa wawa. Kuvulwe ityala lokuphanga, kwaye amapolisa ayaphanda.

Ukanti ngoMvulo, amapolisa athe ambamba umrhanelwa eDe Rust, kwiphondo laseNtshona Koloni. Umrhanelwa lo, kulindeleke avele enkundleni ngoLwesine, umhla we18, kule nyanga.