Ibanjiwe indoda etyholwa ngokudlwengula umntwana womhlobo wayo okhubazekileyo

Indoda, 39, ekutyholwa ngokuba idlwengule umntwana oyintombazana, 9, okhubazekileyo womhlobo wayo kulindeleke ukuba ivele okwesibini kwinkundla kamantyi yaseRustenburg kule veki.

Umtyholwa, negama lakhe lifihliweyo ukukhusela ixhoba elincinci, ugcinwe eluvalelweni de avele kwakhona enkundleni ngoLwesine.

Umrhanelwa uqale ukuvela enkundleni kwiveki ephelileyo emva kokubanjwa kwakhe ngomhla wesixhenxe (7) kuTshazimpuzi emva kwesi sehlo ePhokeng.

Isithethi samapolisa aseMntla Ntshona uColonel Adéle Myburgh uthi icandelo lobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala ngokwesondo (FCS) eRustenburg liphanda eli tyala.

“Kutyholwa ukuba umama, utata, lo mntwana kunye nomhlobo wosapho baye baqhuba ukuya kwintlanganiso eFreedom Park.

“Emva kwentlanganiso abazali bashiye umntwana wabo okhubazekileyo emotweni nomhlobo wabo baya kwindawo ekufutshane nevenkile ethengisa ukutya beyothengela umntwana ukutya,” utshilo uMyburgh.

UMyburgh uthi ekubuyeni kwabazali, bafike intombi yabo ilele kwisitulo esingasemva, nomhlobo wabo kuthiwa eyidlwengula. Uyise wayisusa le ndoda emntwaneni, ngoxa unina wayekhwaza ecela uncedo.

Abahlali bangenelela begxalathelana ukuya kubamba le ndoda.

Indoda, eyathi kamva yahlangulwa ngutata wexhoba kwinginginya yabahlali, yanikelwa emapoliseni ePhokeng.

Umkomishinala wamapolisa eMntla Ntshona uLieutenant General Sello Kwena ukwamkele ukubanjwa kwale ndoda ityholwa ngokudlwengula. Uthe uza kujongana nengalo yomthetho.