Coetzee: Ngumsebenzi onzima ukuqeqesha iSpringboks

Inzalelwane yaseRhini, uAllister Coetzee, ibhengezwe njengomqeqeshi oyintloko weSpringboks isithuba seminyaka emine.

Esi sibhengezo senziwe ngumongameli weSARU, * -Oregan Hoskins, izolo apho athe ukuqeshwa kukaCoetzee kubonakalisa isiqalo esitsha kumbhoxo waseMzantsi Afrika.

UCoetzee (52) wayengumncedisi mqeqeshi weSpringbok ngonyaka ka-2000, waphinda wancedisa uJake White ukusuka kunyaka ka-2004 ukuya ku-2007. Lo kaCoetzee ufika kwiSpringbok ngexesha apho abadlali abaninzi ababengamaqhawe kwindebe yehlabathi ka-2007 sele beyekile ukudlala umbhoxo.“Ukuqeshwa kukaCoetzee kuthetha isiqalo esitsha kumbhoxo waseMzantsi Afrika kwinqanaba eliphezulu, kwaye kubonakalisa ukuba uyakude umbhoxo kweli lizwe,” utshilo uHoskins

.“U-Allister nguye oye wankqenkqeza phambili kubagqatswa kwesi sikhundla xa sijonga imbali yakhe embhoxweni. Uwuqonda kakhuhle umbono wethu ongenguqu ngokwebala embhoxweni, kunye nomfanekiso azakube ewumele njengomqeqeshi weSpingbok.

Ndiyavuya ukumamkela kwakhona kwigqiza leSpringboks.” Impumelelo kaCoetzee kwinqanaba leSuper Rugby nakwiCurrie Cup imbeka phambili njengomnye wabaqeqeshi abanamava abakhe baqeqesha iSpringboks. Uthathe inxaxheba kwimidlalo engamashumi amathandathu anesithandathu yeSpringbok, ubengumqeqeshi weStormers ukusuka kunyaka ka2010 ukuza kutsho kunyaka ophelileyo. Uchithe isizini elisekela mqeqeshi kwiiSharks nakwi-EP Kings. UCoetzee uthi, liwonga kuye ukuqeqesha iSpringboks.

“Lo msebenzi uzanoxanduva olukhulu kuba abalandeli bobhoxo abazingcayo basoloko befuna impumelelo kwiSpringbok ngalo lonke ixesha,” utshilo uCoetzee.

“Umbhoxo uthandwa kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika.”

Umphathi wezemidlalo uFikile Mbalula uvuyisene noCoetzee ngelithi kufuneka aqhubekeke nomgomo weSpringbok wokuphumelela imidlalo neetumente.