Ekugqibeleni, uKomphela ude wayibetha iDowns

Anthony Laffor of Mamelodi Sundowns challenged by Bernard Parker of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2016/17 match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at the FNB Stadium, South Africa on 01 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amakhosi afumene impumelelo yawo yokuqala kwiMamelodi Sundowns phantsi kukaSteve Komphela emva kokuyibetha ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obutsha ngendlela engumangaliso eFNB Stadium ebusuku namhlanje. Lo mdlalo obubukelwe ngabantu abangaphaya kwamashumi amathandathu ananye amawaka ngomnye yemidlalo ethe yaqaqamba kule isizini. Nangona amagowuli emathathu nje – kodwa umgangatho womdlalo wacala omabini ubukwelinye inqanaba. Nakubeni iqela likaPitso Mosimane liphulukene nalo mdlalo – kodwa beliwafumene amathuba wokuwuthatha lo mdlalo. Amakhosi adlale imidlalo elishumi nanye ngaphandle kokubethwa kwimidlalo yePSL.

Emva kwesiqingatha sokuqala ebesinika umdla kakhulu, iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns ziye kwixesha lokuphumla zibambene ngegowuli macala [1-1]. Imizuzu elishumi yokuqala emdlalweni ilawulwe yiDowns ngokucacileyo kwaye ibenelishwa oko ingabhalisanga ebhedini ngethuba uTiyani Mabunda esoyiswa kukusebenzisa ibhola egotywe ekunxele. UPercy Tau, uKhama Billiat no-Anthony Laffor bebeyint’ ibila kubadlali beChiefs emva. UTsepo Masilela nguye obethande ukuxakeka kubadlali basemva kwiChiefs, amatyeli aliqela kuye kwanyanzeleka uGordhino ancedise.

Pedro Maphelo's photo.

Khama Billiat of Mamelodi Sundowns celebrates a goal during the Absa Premiership 2016/17 match between Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns at the FNB Stadium, South Africa on 01 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Imbangi yokwenziwa ixhoba kwakhe uMasilela ngabadlali beDowns kukuba bayamazi ukuba akanawo amendu. Ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu uHlompho Kekana ukhabe ibhola ende edibene neBilliat okhabe ekude. Ihleli emnatheni loo bhola emva kokubetheka kwayo kuLorenzo Gordhino, u-Itumeleng Khune uve ngobaliselwa. Abuyise izitya Amakhosi ngebhola efakwe nguBernard Parker – ofumene ibhola kuChirambardare – osike amadoda ekunxele. Emva kokufumana igowuli lokulinganisa, iChiefs, iyongamele iSundowns kwaye bekumeluba ifumene elinye igowuli.

Umdlalo uthathe apho uyeke khona kwisigaba sokuqala. Amakhosi, etyhala ngoLaffor noTau, athe gqolo enkqonkqoza kwimpondo zeChiefs. USiphiwe Tshabalala, obekhathaza njengakwisigaba sokuqala, uwuphakamisile umdlalo wakhe noParker kwaye uphantse wayonzakalisa iDowns ngebhola ebethe epalini kwimizuzu engaphantsi kweshumi kwisigaba sesibini.

Themba Zwane woyiswe yibhola ejongene noKune ngomzuzu wamashumi amathandathu, unozinti weChiefs uye wazijula njengesiqhelo iDowns isiza ngamandla. Kwisiqingatha sesibini umdlalo ubuthande ubarhabaxa, omabini la maqela afumene amakhadi atyheli ngenxa yoko.

Amakhosi abhalise igowuli lesibini ngebhola eyenziwe nguSoumahoro okabe ibhola emva angakwazanga ukuyinqanda uMweene. UGustavo Paez, ongene endaweni kaParker, udlale ibhola kakuhle noGeorge Lebese obenelishwa ngethuba ibhola yakhe iphosa ipali kancinci. UPaez unqandwe nguMweene efikile. Khange kubekudala noKhune wanqanda amanzi engena andlini iDowns ifuna igowuli lokulinganisa.

Kaizer Chiefs: Khune (C), Masilela, Gordinho, Mathoho, Mphahlele, Katsande, Chirambardare, Maluleka, Tshabalala, Molangoane, Parker.

Mamelodi Sundowns: Mweene, Morena, Nascimento, Soumahoro, Hachi, Mabunda, Kekana (C), Laffor, Billiat, Zwane, Tau.