Ekugqibeleni, uSiphelele Ntshangase ude wakhululwa yiKaizer Chiefs

USiphelele Ntshangase ngumdlali wokuqala okhululwe yiKaizer Chiefs phantsi kukaGavin Hunt. Njengokuba kusondela ixesha lokuphela kwesizini yeDStv Premiership, uNtshangase ebephakathi kwabadlali abaza kuphelelwe zizivumelwano zengqesho kwiqela laseNaturena. UNtshangase, 27, ugqibe kwelokuba ahlale omnye unyaka ecelwe yiChiefs ebisengxakini (kunyaka ophelileyo) emva kokungavunyelwa kwayo ityikitye abadlali abatsha yiFifa.

“Emva kweengxoxo ezithathe iiveki, iChiefs igqibe kwelokuba imkhulule uSiphelele Ntshangase ngemvisiswano naye. Isivumelwano sakhe besiza kuphelelwa kwinyanga yeSilime kulo nyaka. Iqela limnqwenelela okuhle kodwa,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs kumakhasi onxibelelwano.

Le ndedeba yaKwaZulu-Natal idlalele amaqela abana neBlack Leopards neBaroka FC phambi kokuthathwa yiKaizer Chiefs eminyakeni emithathu edlulileyo. Ulidlalele iqela lesizwe labafana abancinane (Under-23) kunye nelidala, aBafana Bafana. Udlalile kwiChiefs ngethuba kusekho uGiovanni Solinas ongazange agqibe nonyaka – kodwa kwathi kwakuqeshwa uErnst Middendorp, yaqala imidlalo ukumnqabela.

Uyidlalile loo mingqandandana yemidlalo kwakhona phantsi kukaGavin Hunt – owabaphantsi koxinizelelo ngenxa kwa mhla wafika ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChiefs – kodwa akubangakho nto ilungayo. UNtshangase ngomnye wabadlali abanesiphiwo esihle kakhulu sokudlala ibhola. Nangona enethuba elide engadlali, maninzi kodwa amaqela angakuvuyela ukusebenzisa isakhono sakhe.